Kuyalayita eMabophe

2019-09-05 06:00
Omnye wabahlali abafakelwe umbane uNokulunga Memeza kwingingqi iMabophe Square. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Omnye wabahlali abafakelwe umbane uNokulunga Memeza kwingingqi iMabophe Square. Umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abayivali imilomo abahlali bendawo yamatyotyombe iMabophe Square, eNyanga, emva kokufakelwa umbane ngoLwesithathu weveki ephelileyo.

Oku kuza emva kweminyaka engapha kwama-20 abantu bale ngigqi behleli ebumnyameni. Bangama 333 abantu abathe baxhamla kweli phulo nelixabise imali efikelela kwizigidi ezithathu zeerandi.

Omnye wabahlali abathe baxhamla kolu phuhliso uNokulunga Memeza (30) uchaze olu phuhliso njengento ebekukudala beyilindele. Uthe le ngingqi yindawo yabanxusi basemaholweni.

“Ndikhulele apha kule ngingqi ndihlala ekhaya ndiqale ukuzimela ngonyaka ka 2012,” utshilo uMemeza.

Uthe oko bephila ngokutsala umbane ebantwini ukuze bakwazi ukupheka nokukhanyisa ezihokini zabo.

“Yho sizotsho sohlukane nokuthetha oko ngoba kaloku ngelinye ixesha sitsala kwindlu enye sibaninzi mhlawumbi omnye wethu angayikhuphi imali yombane ngexesha.

Qho ngenyanga besibhatala i R150, phofu ukhe uphele naphakathi enyangeni,” ucacise watsho uMemeza, wongeze ngelithi ngelinye ixesha umnini ndlu ebeye ayikhuphe intambo yakho xa sele umbane uzophela.

Olilungu lekomiti ka sodolophu kwicandelo lezamandla kunye nokutshintsha kwemozulu uPhindile Maxithi uthe olu fakelo lombane luze emva kwentsebenziswano phakathi kwamacandelo eSixeko saseKapa kunye nothetha-thethwano nabahlali.

Uchaze intsebenziswano nabahlali njengeyona nto ibalulekileyo ingakumbi ekuzameni ukuba eli phulo liphumelele. Uthe kuye kwanyanzeleka ukuba kubekho abantu abasuswayo bayobekwa kwezinye iindawo ukwenzela kubelula ukufakelwa kombane. “Ndiye ndandwendwela abanye babahlali abafakelwe umbane okokuqala ezindlini zabo. Bavuyile kakhulu ingakumbi njengokuba kubanda kwaye kumnyama kwezinyanga. Ayikokukhanyisa nje amakhaya odwa kodwa ikwakukuguqula iimpilo zabantu,” utshilo uMaxithi.

Wongeze ngelithi ukuba nombane kuza kubanceda ukukhulisa nezezimali ngoba namashishini amancinci asezindlini azakutsho aqhube kakuhle.

Woleka ngelithi nabafundi bazakutsho baqhube kakuhle ezifundweni zabo.

“Sizakuqhubeka siphuhlise iimpilo zabantu abahlala kwiindawo zamatyotyombe ngokubafakela umbane nje ngesithembiso seSixeko saseKapa sokuzisa iinkonzo eluntwini nokuphucula iimpilo kunye nokhuseleko,” utshilo uMaxithi.

Uthe ngenxa yoninzi lwabantu abahlala koomasipala abambaxa nokukhula kwempucuko nokunqaba komhlaba iSixeko siye sagqiba ekubeni sigxile ekuphuculeni amatyotyombe.

Uthe ngokohlahlo lwabiwo-mali lonyaka ophelileyo ngumyinge wama 97 ekhulwini izindlu ezithe zafakelwa umbane.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.