Kuyaqal’ ukulunga

2019-08-01 06:00
Ezinye zeziseko esele zakhiwe ukulungiselela ulwakhiwo lwezindlu zethutyana.UMFANEKISO: unathi obose

Ezinye zeziseko esele zakhiwe ukulungiselela ulwakhiwo lwezindlu zethutyana.UMFANEKISO: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Luyaqhubeka ulwakhiwo lwezindlu zethutyana eMfuleni emva kokuba iSixeko saseKapa sathi sathabatha isigqibo sokuba siwunqumamise lo msebenzi kulandela iyantlukwano phakathi kwabahlali baseKhayelitsha nase Mfuleni.

Le mpixwano yabangelwa kukungavisisani kwabahlali bezi ndawo malunga nabantu abazokuxhamla.

Ngokwengxelo ezi zindlu zazilungiselelwa abantu bendawo yamatyotyombe yakooBM kunye noWB eSite B emva kokuba bathi batshelwa ngamakhaya abo kumnyaka ka 2014.

Ukanti iqela labahlali baseMfuleni bathi balichasa eli phulo banyanzelisa ukuba lunqunyanyiswe ulwakhiwo.

Usekela sihlalo weqoqo loosomashishini baseMfuleni uVuso Mshumpela uchaze abantu abasuka kwingingqi yaseBurundi, iShukushukuma, Garden City, Extension 3 kunye Old Location njengabanye babantu abazakuthi baxhamle kweli phulo.

Ucacise ngelithi kwabakhona ukungavisisani phakathi kwabahlali ngexesha kwakusakhiwa ezi zindlu.

“Ezi zindlu zazisakhelwa abantu abasuka koBM ababetshelwe. Qha kwaye kwabonakala ukuba nabahlali baseMfuleni bafuna ukungena kuzo ngenkani kwanyanzeleka ukuba lumiswe ulwakhiwo zichithwe ezo zazisele zakhiwe,” utshilo uMashumpela.

Wongeze ngelithi iSixeko saye sadibanisa iinkokheli zaseSite B kunye ne zaseMfuleni nalapho kwaye kwanyanzeleka ukuba batyikitye isivumelwano sokubambisana ukuze ulwakhiwo luqhubeleke.

U-Mshumpela woleke ngelithi kulindeleke ukuba lugqityiwe ngenyanga yoMnga ulwakhiwo.

“Ngoko kuthethwa kwethu sizinkokheli kunye nabasebenzi beSixeko sasigqibe ekubeni kwakuthi nje ukuba kubekho ezigqitywayo ukwakhiwa kungene abantu ukuzama ukuzikhusela ukuba zingonakaliswa. Ngoba injongo ikukuba sifuna bathi abantu begoduka kweyoMnga babe sele besezindlini zabo,” ucacise watsho.

U-Monde Nqulwana, nonguceba kwingingqi yakoBM eSite B, ukungqinile oku watsho esithi yinto bekufanele ukuba kudala yenzeka.

Uthe ngabantu abangama 850 abasuka eSite B ekulindeleke ukuba baxhamle kwezi zindlu.

“Eneneni olwalakhiwo lwalulungiselelwe abantu base Site B kodwa kwabonakala kungenelela nabantu baseMfuleni,” utshilo uNqulwana.

Olilungu lekomiti yesigqeba kaSodolophu kwisebe lokuhlaliswa kwabantu uMalusi Booi uthe besi Sixeko sele beqalile ukusebenza ukulungiselela ukwakha izindlu zethutyana ezingama 980.

Uthe ukuba yonke into ihamba kakuhle olu lwakhiwo lakugqitywa ngenyanga yeSilimela kunyaka ozayo. “Ngokwemvumelwano esinayo neenkokheli zaseMfuleni kwezi zindlu sizakuhlalisa abantu abakwimeko emaxongo abasuka kwingingqi yaseKhayelitsha nase Mfuleni,” utshilo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.