Kuza kuqhawuka oojingi ngu Shushubaby ngoMgqibelo

2018-11-01 06:03
Imvumi uShushubaby uzakuba eseKhayelitsha kule mpelaveki.

Imvumi uShushubaby uzakuba eseKhayelitsha kule mpelaveki.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Kulindeleke ukuba kusiphuke izichithi kuqhawuke neembadada xa iqela leemvumi zomculo ka maskandi zisonwabisa abathandi balo mculo kwibala lombhoxo laseKhayelitsha ngoMgqibelo.

Lo mnyhadala noququzelelwa sisikhululo sika nomathotholo sasekuhlaleni, iRadio Zibonele, uzakuthi udibanise oompondo zihlanjiwe bomculo ka Maskandi abaquka uPhuzekhemesi kunye no Shushubaby kunye nothotho lweemvumi eziphuma kwiphondo.

Amasango avulwa ngentsimbi yesibhozo kusasa, kwaye kulindeleke ukuba lizale lime ngembambo eli bala.

Umphathi weenkqubo eZibonele uZweli Nokhatywa uthe: “Amatikiti ahamba okwamagwinya ashushu.”

Njengephulo lokukhuthaza uluntu ukuba lube yinxalenye yalo mnyhadala uNokhatywa uthe nabani othenga itikiti phambi koLwesihlanu uzakuthi afumane elesibini fele-fele. Onke amatikiti asimahla afumaneka eZibonele.

Ukanti kulindeleke ukuba lube luqilima ukhuseleko kweli bala. “Siza kuba nezigantsontso zamadoda azakuthi agcine ucwangco,” utshilo elumkisa izaphuselane ukuba zihambele kude kweli bala.

Logama lo mnyhadala uzakuthi wonwabise uluntu, ngaxeshanye uzakunika iqela labantu bokuhlala ithuba lokuba babonise izakhono zabo zobugcisa.

“Eli lithuba lokuba sinike abantu bethu ithuba lokuziqaqambisa. Siza kuba nothotho lwezitendi zokutya. Ngaxeshanye sakunika abantu ithuba lokubonisa ngemisebenzi yabo yezandla,” utshilo uNokhatywa. “Eyona nto sizama ukuyenza kukuphuhlisa izakhono, ngubani owaziyo imvumi elandelayo yoduma ingaphuma kulo msitho. Sifuna abantu baze konwaba.”

U Nokhatywa uthe zonke iimvumi kulindeleke ukuba zigaleleke ephondweni namhlanje, ze ngomso uLwesihlanue bahambe nazo kwiindawo ezahlukeneyo ephondweni.

Amatikiti alo msitho axabisa iR120, ukanti aweengcungcu axabisa ama R200. Afumaneka kuzo zonke iivenkile zakwa Silulo Ulutho. Ngenkcazelo ethe vetshe qhakamshelana no Ntips Shete ku 084 626 7910.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.