Lingena ezindlini ilindle

2019-08-22 06:01
Idami lamanzi amdaka anelindle ame phambi kwezindlu kwisitalato iSithandathu Avenue kwingingqi yaseZigusheni. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Idami lamanzi amdaka anelindle ame phambi kwezindlu kwisitalato iSithandathu Avenue kwingingqi yaseZigusheni. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Libangela isankxwe ivumba eliphuma kumanzi amdaka naqulathe ilindle kwisitalato iSithandathu, eNyanga. Ngokwengxelo yabahlali, sele kuqingqithe iveki yonke bedyampuza kobu butyadidi nabatyhola ngelithi benziwe kukugqabhuka kombhobho ohambisa ilindle.

Olona loyiko lwabo kukuba le nyewe ibeka impilo zabo esichengeni.

Umhlali u-Andiswa Bhayi uthe eli lindle liqale ukuphuphuma ngoLwesibini umhla we 13 kweyeThupha.

“Ingxaki kukuba xa iimoto zihamba apha lamanzi angena ezindlini kwaye ayanuka. Yonke nje le ndawo inuka ilindle,” utshilo uBhayi.

Ngenxa yale meko uthe bayanyanzeleka ukuba basoloko bevale amacango kunye neefestile ukuzama ukuthintela ivumba lingangeni ezindlini.

U-Bhayi uthe elona xhala lakhe ngabantwana abathi badlale kula manzi. Uthe ixhala lakhe kukuba hleze bosuleleke zizifo.

“Ngoku kufuneka sigade abantwana ngalo lonke ixesha bangadlali kula manzi, ingakumbi xa bebuya esikolweni.

V Liyaqhuba kwikhasi lesibini

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.