LISUKA KWI KHASI 1

2019-08-08 06:02

Utyhole ngelithi akaqali umrhanelwa ukubandakanyeka kwinto enje.

“Oko kwabhubha intombazana awayehlala nayo kule ndlu azange aphinde ame kakuhle entloko.

“Ngamanye amaxesha ukhe atshise impahla apha phambi kwehoki yakhe thina sibone sekungena umsi ezindlini zethu,” ucacise watsho uSodinga.

Unobhala wombutho wabahlali iSanco eKTC u-Lumkile Msila uthe umtyholwa ufike sele ethathiwe umntwana wabalekiselwa kwiziko lezempilo.

Uthe abahlali baye bambetha ngenxa yomsindo nomonakalo awenzileyo.

“Singabahlali asifuni nokuphinda simbone apha kule ndawo ngoba kuyabonakala ukuba akakhathali. Kwaye uloyiko lwethu kukuba ade atshise nezinye izindlu,” utshilo Msila.

Woleke ngelithi bengabahlali bebefuna ukuyichitha yonke ihoki koko kwavakala ukuba asiyoyakhe.

“Kuye kwavakala ukuba le hoki ebehlala kuyo ayiyoyakhe yekamama wakhe. Siye saqhakamshelana namanye amalungu osapho lwakhe sawaxelela ukuba kungcono kuzokuhlala omnye umntu apha,” utshilo uMsila.

Woleka ngelithi umntwana uye wathatyathwa ngoonontlalontle.

Uceba ka wadi 39 uKhaya Yozi uthe bekukuhlala basothukile sesisehlo watsho ebulela abahlali ngenxaxheba abayenzileyo ukusindisa umntwana.

Uyibethelele naye into yokuba abafuni nokumbona kulangingqi umtyholwa.

“Eyona nto singayifuniyo kukuba umntwana ahlukumezeke ngenxa yezenzo zikayise. Siye sathetha nosapho sabaxelela ukuba makuze omnye umntu azokuhlala nomntwana okanye ayohlala kuye kodwa uyise angalibeki yena apha,” utshilo uceba.

Osisithethi sombutho ozimeleyo Ilitha Labantu uSiyabulela Monakali uthe umntwa uye wagqithiselwe kwisibhedlele sabantwana Red Cross ukuze afumane uncedo kumonzakalo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.