Liyabhiyoza ikhaya

2019-06-27 06:00
Amalungu e-SAIBN asuka kwinkampi yase Town Two ngexesha bebenika ukutya kunye nempahla zabantwana kubaphathi be-Zanokhanyo Children’ Safety Home eMakhaza. PHOTO: UNATHI OBOSE

Amalungu e-SAIBN asuka kwinkampi yase Town Two ngexesha bebenika ukutya kunye nempahla zabantwana kubaphathi be-Zanokhanyo Children’ Safety Home eMakhaza. PHOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abayivali imilomo abaphathi kunye nabasebenzi bekhaya labantwana iZanokhanyo Children’s Safety Home, eMakhaza, emva kokufumana ukutya kunye nempahla yabantwana kumkhosi wokhuselo weli i-9 South Africa Infantry Battalion (SAIBN), ezinze eTown Two.

Ezi zinto kunikezelwe ngazo ngoLwesibini weveki ephelileyo. Phakathi kwezinto ekunikezelwe ngazo kuquka iiswekile, umgubo wokuxova, umilimili, peanut butter, iipapa zabantwana nenzinye izinto.

Ongumphathi kweli khaya uNolubabalo Ndita ubulele ngokungazenzisiyo.

Uchaze eli khaya njengelingathathi ntweni, kodwa lizama ukwenza umahluko ekuhlaleni. “Sinabantwana abangama 22 esibagcinayo kweli khaya. Sitsala nzima kakhulu ngoba asibonelelwa ngu rhulumente kuba asibhalisanga njengembutho ozimeleyo (NGO), silikhaya nje eligcina abantwana (Foster Care). Amaxesha amaninzi sifumana inkxaso kubantu ngabantu abasekuhlaleni,” ucacise watsho.

Uthe abasabamkeli bantwana ngoku ngenxa yokungabikho kwendawo. “Abantwana esibagcinayo baqala kwiminyaka emine ukuya kuma 22. Uninzi lwabo luziswa ngoonontlalontle okanye amapolisa,” ucacise watsho.

U-Ndita, obebonakala onwabile emphefumlweni, uzichaze iimpahla nje ngezizakunceda abantwana kwingqele zobusika. Woleke ngelithi sele beneminyaka engaphaya kwesithathu besebenzisana nalamalungu e-SAIBN. “Amaxesha amaninzi baza xa kubhiyozelwa iziganeko ezithile njenge Christmas Day okanye usuku lomama (Women’s Day),”ucacise watsho Ndita.

Othethela amalungu eSAIBN u- Lieutenant Thabiso Ramathe uchaze lo mcimbi nje ngephulo labo lokutyala ekuhlaleni. Uthe injongo yabo kukuzama ukwakha ubudlelwane phakathi kwabo kunye nabahlali.

“Sifuna ususa la ngqondo imbi yokucinga ukuba amajoni zizilwanyana. Sifuna ukuba nobudlelwane nabahlali bangasoyiki basithathe nathi njengabantu,” utshilo Ramathe. Uthe umnqweno wabo kukusebenzisana namanye amakhaya akwezinye iindawo ngaphandle eKhayelitsha.

“Okwangoku sisasebenzisana neZanokhanyo. Siqale ukusebenzisana nayo emva kokuba kwakubiwe izixhobo phaya enkampini ngo 2017. Saye sagqiba ukuba masizisondeze kakhulu eluntwini ukuzama ukuziqhelisa nabo,” utshilo Ramathe, woleka ngelithi bajonge nezinye iindawo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.