Lizilele uTuta iziko loluntu iZbosh

2019-04-11 06:00
Intatheli yoziko losasazo iRadio Zibonele uUnathi Tuta ulandulele eli.

Intatheli yoziko losasazo iRadio Zibonele uUnathi Tuta ulandulele eli.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Sizikhotha amanxeba isikhululo sosasazo sasekuhlaleni iZibonele emva kokushiywa yeenye yentatheli yaso u-Unathi Tuta.

Le nzwakazi, nebiminyaka ingama 37, iwunabele uqaqaqa ngoLwesibini weveki ephelileyo emva kokulwa idabi elide nomhlaza wemiphunga.

Ngokwembalelwano ekhutshwe leli ziko loluntu, uTuta ebengena ephuma esibhedlele kule minyaka idlulileyo ngenxa yempilo ebithande ukukekela.

Ngokweziko iZibonele luTuta waqala ukusebenza kulo mzi ngomnyaka ka 2011 kwaye ibingomnye weentatheli zabo ebeziwuthanda kakhulu umsebenzi wazo.

Ngexesha esebenza kwesi sikhululo ufumene amawonga aliqela kuquka ukuba ngoyena mfundi wendaba ugqwesileyo kunye nentatheli egqwesileyo ngonyaka ka 2013. Eli wonga ulifumene kwakhona ngo 2016 nango2017.

I – Zibonele ithe uTuta ebetshatshela ekubaliseni ngamabali oluntu lwaseKhayelitsha yiyo lonto ethe yamenza waba ngundabamlonyeni.

Bathe bakumkhumbula ngokuba ngumntu obethetha phandle okokuphakathi kuye nokusebenza ngokuzimisela.

Ogxa bakhe kwicandelo leendaba bamchaze lo kaTuta njengomntu obewuthanda umsebenzi wakhe.

Umhlobo wakhe nokwayintatheli uAsanda Sokanyile uthe wadibana noTuta ngomnyaka ka2013 eKapa nalapho babeyo kwenza ibali ngokufa kuka tata uNelson Mandela.

“Ndaye ndabona lentwazana ibonakala indlela le iwuthanda ngayo umsebenzi wayo kwaye inoncumo olungapheliyo,” utshilo uSokanyile.

Uthe nangona ebesilwa nesisifo bekungekhonto itshoyo.

U-Sokanyile uthe uTuta ebeyazi imeko abahlala phantsi kwayo abantu baseKhayelitsha kwaye wenze umehluko omkhulu kwimpilo zabantu abaninzi.

“U-Unathi uyakuhlala esezintliziyweni zethu nasezingqondweni zethu,” utshilo uSokanyile.

Omnye umhlobo wakhe uTshego Lepule uthe uTuta ebesebenza ngokukhuthala kwaye ezinikele emsebenzini wakhe wokuqokelela indaba ingakumbi ngolwimi lwakowabo olulisiXhosa.

Uthe nanjengokuba naye eyintatheli xa efuna inombolo zemfonomfono zeenkokheli eKhayelitsha umntu wokuqala ebemtsalela umnxeba ibisiba ngu Tuta kuba ebesaziwa kakhulu kulenginqi.

U - Lepule uthe uyakumkhumbula ngokuba ngumntu onothando kwintombi yakhe usapho lwakhe. izihlobo kwakunye noluntu lwase Khayelitsha.

Lo saziwayo uzakuthi abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela kwidolophu yaseDikeni, eMpuma Koloni ngeCawe umhla we 14 ku Tshazimpunzi.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.