Lothukile uluntu lwase KTC

2019-07-11 06:00
Kufunyenwe usana kwezi zindlu zangasese ematyotyombeni ase KTC

Kufunyenwe usana kwezi zindlu zangasese ematyotyombeni ase KTC

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bagqibe kwelokuba basengane oomama bendawo yamatyotyombe akufuphi ne holo yoluntu yaseKTC, emva kokuba kubhaqwe umzimba we mveku uqhushekwe kwindlu yangasese ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Lo mzimba, ne kuthekelelwa ukuba uneeveki ezisibhozo, ufunyenwe kwindawo yamatyotyombe ngomnye wabahlali ngethuba esiya kuzithuba mayela nexesha le sidlo sase mini.

Unobhala wombutho wokuhlala iSANCO uLumkile Msila uthi ubizwe ezipholele kwi ofisi zombutho ukuba aze kubona esi sithwakumbe.

“Ndiye ndathi xa ndibuza kwafumaniseka ukuba lo mntwana akaziwa, kwaye no mama wakhe akaziwa,” utshilo.

Ukanti emva kwesi sithwakumbe, uMsila uthi oomama bale ngingqi baye baqokelelana nalapho bebefuna inkcukhacha ngokulahlwa kwalo mntwana.

“Baye basengana nalapho bebezama ukujonga ukuba ingaba ngowuphi na umntu ebekhulelwe kubo,” utshilo uMsila.

Noxa kunjalo eli phulo libuye nelize.

Ukanti kubikwa ukuba amapolisa aye atsala igazi kwesi sidumbu ukuzama ukufumanisa ukuba ingaba lolu kabani. Wongeze ngelithi basalinde imiphumela yovavanyo gazi.

U-Msila ukhwele ezehlela koomama ngokuzifihla xa bekhulelwe, watsho esithi ayi ngomntu osuka kwenye indawo lo wenze le nto kuba akukho mntu unokusuka kwenye indawo azolahla umntwana emini emaqanda.

Uthe bawacelile amapolisa ukuba aqhube uphando kuba bengabahlali bafuna ukuyazi into eyenzekileyo.

Uthe bacelile nasebazalini ukuba bazame ukuphanda ebantwaneni babo kuba bafuna lo mntu wenze le nto ajongane ne ngalo yomthetho ukwenzela ukuba nabanye abantu abacinga ukwenza lo nto boyike.

Ukhale ngelithi ilizwe lakwenza kwasemthethweni ukukhutshwa kwe zisu ukunqanda imikhwa ekumila kunje.

Umphathi wesikhululo samapolisa aseGugulethu uBrigadiya Luyanda Damoyi uthe umama walo mntwana akakaziwa kwaye kusaphandwa kodwa kuvulwe ityala.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.