Lufumene inkxaso ulwaluko

2019-10-10 06:01
Abanye babantu abayinxalenye yokuzama ukungcina ihlathi lokolusela amakhwenkwe likhuselekile baphethe imithi. Ukusuka ekhohlo ngu ceba uRashid Adams, umphathi wemicimbi yolwaluko kwisebe lezenkcubeko kunye nezemidlalo ephondweni uClement Williams, ilungu lekomiti lombuto i-Embo uBandile Mangisa, uceba omele EFF Michael Bhele, ilungu lekomiti i-Embo uJoel Magwaca, umphathi wokulondolozwa kwendalo uMelikhaya Pantsi kunye nelungu lekomiti i-Embo uMandla Mlambo.  umfanekiso: UNATHI OBOSE

Abanye babantu abayinxalenye yokuzama ukungcina ihlathi lokolusela amakhwenkwe likhuselekile baphethe imithi. Ukusuka ekhohlo ngu ceba uRashid Adams, umphathi wemicimbi yolwaluko kwisebe lezenkcubeko kunye nezemidlalo ephondweni uClement Williams, ilungu lekomiti lombuto i-Embo uBandile Mangisa, uceba omele EFF Michael Bhele, ilungu lekomiti i-Embo uJoel Magwaca, umphathi wokulondolozwa kwendalo uMelikhaya Pantsi kunye nelungu lekomiti i-Embo uMandla Mlambo. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ukuzama ukugcina isiko lolwaluko lukhuselekile amalungu ombutho ojongene neli siko iEmbo, kwaLanga, atyale imithi kwihlathi lokwalusela kula ngingqi ngenjongo zokwandisa eli bala nokukhusela abakhwetha.

Yimithi yomnga eli 150, nevela kumzi wolondolozo lwendalo iCape Nature, ethe yatyalwa njengenxalenye yeli phulo.

Lo msitho ubuququzelelwe yiEmbo ibambisene nooceba ababini bakwaLanga, uNomtha Dilima wakwadi 52 kunye no Rashid Adams wakwadi 49, bebambisene nesebe lezenkcubeka kunye nezemidlalo kwiphondo iNtshona Koloni.

Usihlalo wombutho i-Embo uMadoda Mabuto uchaze eli phulo njengelizama ukubuyisa nokugcina isidima sesiko lolwaluko.

Uthe le mithi bazakuyityala kwiindawo ezivulekileyo kweli hlathi ukuzama ukuvala izikhewu, ukwenzela ukuba abantu abangaphandle ehlathi bangayiboni into eqhubekayo ngaphakathi.

“Besikhe sanengxaki yabantu abathi xa bezokufaka amakhwenkwe bazokugawula amahlahla kwalapha ehlathini okwenza uthango. Abanye xa bezise inkwenkwe bagawule iilantyi ukwenza ibhoma. Ngoku siye sayivala lonto ngokubona ukuba imithi iyaphela, kwaye yenza lonto kubelula kubantu abangaphandle bazibone iibhoma ezilapha ehlathini,” ucacise watsho uMabuto.

Uthe bazakuqalisa ukuyityala eminye imithi ngoMvulo bencediswa ngabasebenzi bakwa Cape Nature ze eminye imithi bagqibezele ngoLwesibini bengamadoda akwaLanga.

Wongeze ngelithi bengulo mbuto sele beqalisile ukubhalisa amakhwenkwe azakuthi aye entabeni ekupheleni konyaka.

Uhambise wathi iphulo lokubhalisa liza kuqhuba kude kubethe umhla we 17 kwinyanga yoMnga.

“Rhoqo ngoolwezibini ukusukela kwintsimbi yesithandathu ukuya kutsho kweyesixhexe emva kwemini siyabhalisa eGuga S’thebe. Amaxwebhu okubhalisa ayafumaneka kwalapha eGuga S’thebe,”utshilo uMabuto.

Ulebele ngelithi abazali bathatha la maxwebhu bahambe nenkwenkwe baye kwiziko lezempilo ukuba iyokuhlolwa ukuba ikulungele na ukoluka ngokwasempilweni. “Kula maxwebhu kufuneka kutyikitye inkwenkwe leyo ezakungena, umzali, ingcibi kunye nekhankatha. Bakugqiba baze nephepha elisuka kugqirha eliqinisekisa ukuba inkwenkwe iselungelweni lokoluka,” utshilo.

U-Mabuto uthe bengumbutho zikhona iingcibi ezibhaliswe phantsi kwabo neziqeqeshiweyo uquka namakhankatha. Kodwa watsho wathi ababagatyi abantu abaza nabantu babo.

U-Clement Williams, ongumphathi kwicandelo elijamelene nolwaluko kwisebe, uthe bayakhuthaza ukugcinwa kweli siko kwakunye nokhuseleko lwalo. “Silisebe siyakhuthaza ukuba isiko liqhubeke, kwaye nendalo ilondolozwe. Sikhuthaza ukuba namakhwenkwe athi xa ebuya entabeni abuye ekwazi ukuzimela ohlukane nokugila imikhuba,” utshilo uWilliams.

Ukanti ongumphathi wokulondolozwa kwendalo eCape Nature uMelikhaya Pantsi uthe bafuna ukuqinisekisa ukuba amasiko agciniwe, kwaye enziwa endaweni ekhuselekileyo. Uye wabongoza abahlali ukuba baligcine eli hlathi likhuselekile ngalo lonke ixesha. “Ukanti ngokuphisa kwethu ngale mithi sizama ukufundisa nokubonisa abahlali ngokubaluleka kwemithi ezimpilweni zethu,” utshilo uPantsi.

U-Adams uthe uzimisele ukusebenzisana namalungu ombutho i-Embo ukuqinisekisa ukuba afumana inkxaso egqibeleleyo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.