Lushiyeke lumatshekile uluntu lwase Site B

2020-04-23 06:00
Umzimba wendoda nekrokreleka ukuba ihlaselwe yabulawa waze umzimba wayo watshiswa ufunyenwe uqungquluze ethafeni lase Site B..umfanekiso: unathi obose

Umzimba wendoda nekrokreleka ukuba ihlaselwe yabulawa waze umzimba wayo watshiswa ufunyenwe uqungquluze ethafeni lase Site B..umfanekiso: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Aphanda ityala lokubulala amapolisa esikhululo saseKhayelitsha emva kokuba kufunyenwe umzimba wendoda otshisiweyo udunduluze kwibala elisekuhlaleni, ngentseni yangoLwesihlanu umhla we 17 kuTshazimpunzi.

Unobangela wesi sihelegu, nesishiye abahlali bengingqi yakoo C eSite B benxunguphele, awukaziwa.

Isithethi samapolisa uKonst Lowellan West uchaze umfi njengendoda eminyaka ingama 29 ubudala. Uhambise wathi kukrokreleka ukuba uye wahlaselwa wakugqiba umzimba wakhe watshiswa. “Ityala lokubulala livuliwe. Akukabikho mntu ubanjiweyo okwalomzuzu,” uthethe watsho uWest wongeza ngelithi uphando lusaqhuba.

Enye yeenkokheli kula ngingqi uSimphiwe Phendu uthe bothukile sesi siganeko bengabahlali, kwaye basazama ukufumana unobangela. “Eneneni unobangela wokuba lo mfana atshiswe awukaziwa, kodwa kukrokrelwa ukuba umfi lo ngomnye wabafana abahamba bekhuthuza apha ekuhlaleni,” utshilo uPhendu.

Xa iCity Vision imbuza ukuba safika njani ezindlebeni zakhe esi sehlo uthe wabona kungena abahlali endlini yakhe bezokumxelela. “Ndothuka kakhulu xa ndifika ndibona isidumbu kubonakala ukuba sitshisiwe,” utshilo uPhendu.

Uye wabongoza abahlali ukuba bohlukane nokuthathela umthetho ezandleni zabo. “Ayikokokuqala isehlo esinje sisenzeka kule ngingqi. Kunyaka ophelileyo kwinyanga yoMsintsi kwafunyanwa umzimba womntu utshisiwe naye owayesakukrokrelwa ngokumosha. Siyacela siziinkokheli ukuba ngaba kukhona umntu owophula umthetho sixelele amapolisa ukwenzela ukuba abanjwe,” ubongoze ngelitshoyo uPhendu.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.