Luxakene nomphanga usapho

2019-08-15 06:01
Amalungu osapho nezalamane adibene kuloAyanda emva komphanga. Ukusuka ekhohlo nguRebeeca Kondile, Nokwakha Marhawu, Fikiswa Kondile kunye no Nanise Gantweni. PHOTO: UNATHI OBOSE

Amalungu osapho nezalamane adibene kuloAyanda emva komphanga. Ukusuka ekhohlo nguRebeeca Kondile, Nokwakha Marhawu, Fikiswa Kondile kunye no Nanise Gantweni. PHOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Luzibuza imibuzo engaphundulekiyo usapho lakwa Kondile eMarikana, eLower Crossroads, emva kokuba kudutyulwe kwabulawa ilungu losapho ngoLwesine weveki ephelileyo.

Ngokwengxelo umzimba womfi, u-Ayanda Kondile, kunye nowegqiyazana elingaziwayo, ifunyenwe idunduluze kwihoki yomhlobo wakhe nothe wasinda yena koluhlaselo, malunga nentsimbi yesine, emva kohlaselo.

Ngokwengxelo zamapolisa ukufa kwesi sibini kunento yokwenza nokuthengiswa kweziyobisi kulangingqi, ukanti usapho luthe alwazi nto lona ngezo zityholo.

Othethela amapolisa asePhilippi East uKapteni Bheki Xulu uthe akukabikho bani ubanjiwe ngokuphathelene nesi siganeko, watsho ekubuthelela ukuba lento inokwenza nokuthengiswa kweziyobisi. Woleke ngelithi kuvulwe ityala lokubulala.

Othethela usapho uFikiswa Kondile uthe baxhelekile luhlobo abhubhe ngalo umntakwabo. “Umntakwethu ibungumntu olincoko othanda udlala xa elapha endlini. Khange siyicinge ukuba angabhubha ngoluhlobo. Nangoku siyazibuza ukuba lo usindileyo usinde njani yena ngoba kuyabonakala ukuba aba bantu bebezokubulala,” ushilo Kondile.

Wongeza ngelithi belikhaya abanalwazi ngento yeziyobisi. Uthe bebesajonge lukhulu kuye njengomntu obeyindoda.

“Nangoku sisaxakiwe ukuba sizothatha ntoni sidibanise nantoni ukulungiselela ukumngcwaba. Siyacela nakubani na onokuthi asincede sikwazi ukumngcwaba asincedise ngoba injongo yethu yeyokuba siyomngcwabela kokwabo eMt Fletcher,” uthethe watsho uFikiswa.

Inkokheli yabahlali kule ngingqi uXolani Thukwayo uthe abafi badutyulwa entloko. Wongeze ngelithi: “Kwangena abafana ababini bephethe imipu babadubula bababulala waze omnye lo umfana ongumnini wehoki bamtshentula ngembumbulu apha esifubeni. Asimazi nangoku ukuba uphelelephi na ngoba akazange ahlale esibhedlele waphuma kwangoko”.

U-Thukwayo uchaze esi siganeko njengesibothusileyo nesingazange senzeka ngaphambile. “Iyaqala ukwenzeka into yokuba kufike abantu badubule babulale bengakhange bathethe. Into ethetha ukuthi aba bantu bebeyazi into abazoyenza,” uthethe watsho.

U-Thukwayo uzingqinile ingxelo zokuba le ndodana ibisetyenziswa ekuthengisa iziyobisi. “Ngokuva kwethu singabahlali iziyobisi ibizezalentombi iswelekileyo zithengiselwa endlini yalomfana ulimeleyo. Yena lo ungumfana ebesetyenziswa ekuthengiseni,” ucacise watsho Thukwayo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.