Masizingce ngesi Xhosa sethu!

2018-11-22 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Ukoma umlomo.

ISACI: Lahluthw’inqatha emlonyeni.

IQHALO: Ubuso bendoda ziinkomo.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ungenwe liphela endlebeni:

Zoleka Njoli, Site B: Akamameli.

Buyiswa Magqaza, Harare: Akaphulaphuli.

Mavis Nkata, Khayelitsha: Ukungeva, okanye ukungaphulaphuli.

Luja Madenyuka, Harare: Umntu ongamameliyo.

Zukie Mdunyelwa, Makhaza: Akamameli.

Mfuneko Bonase, Marcus Garvey: Kukungaphula-phuli, ungeva uxelelwa.

Zameka Magama, Old Crossroads: Akamameli xa kuthethwa naye. Aleve hayi.

Shirley Mbema, Gugulethu: Kutshiwo kumntu ongamameliyo.

Asakhe Sipika; Litha Park: Kutshiwo kumntu osuke akabi nasikhundla, nosuka abe etwela.

. Iphela lingene emasini:

Zoleka: Ukunyelisa.

Buyiswa: Into engamelanga uba lapho, ephazamisayo.

Mavis: Kukuthi into intle yoniwe.

Luja: UKuxa bekungathethwa nawe, kuthwe iphela lingene emasini.

Zukie: Ukonakala kwento ibintle.

Mfuneko: Kukugxuphuleka ezintweni ezingakufuniyo, uhambe uzifaka kwindaba zabantu.

Zameka: Ugxuphulekile ungene into engamfuniyo.

Shirley: Kuthetha ukuthi umntu ongena izinto ezingafuniyo iphela kaloku lingena nokuba kuphi.

Asakhe: Kukunyelisa into entle necwengileyo.

. Inkqayi ingena ngentlontlo:

Zoleka: Into ezinkulu ziqala kancinane.

Mavis: Into enkulu iqala kancinane.

Nontuthuzelo Solani; Gugulethu: Ithetha ukuthi izinto ezinkulu ziqala kancinci.

Luja: Uyiqala kancinci ude uyiqhele.

Zukie: Isigezo siqala kancinci.

Mfuneko: Iqala kancinci kanti izakuxaka.

Zameka: Izinto ezinkulu ziqala kancinci.

Shirley: Into enkulu iqala kancinci iye isanda.

Asakhe: Izinto ezinkulu zineziqalo ezincinane.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi umnumzana E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci namaqhalo eveki edlulileyo:

Ungenwe liphela endlebeni: Oku kubhekiswa kumntu osuke akaba nasikhundla, nosuka abe etwela.

Kaloku lithi iphela lakungena umntu endlebeni ange uphambene. Lothi ukuze liphume kuqatywe ingqaka apha ngaphandle endlebeni.

Iphela lingene emasini: Kukunyelisa into entle nengcwengileyo. Asikuko nokuba iphela liyawathanda amasi. Liweva nokuba aphi, lifike lizithi gxumpu kuwo, oku kwempukane elubisini.

Inkqayi ingena ngentlontlo: Kuye kutshiwo xa kuyalwa umntu owenza into engathi incinane, imbi noko kuba kuyaziwa ukuba iza kuya isanda, imxake ekugqibeleni. Kaloku izinto ezinkulu zineziqalo ezincinane . Imilambo emikhulu iphuma emithonjeni emincinane, nemithi emikhulu ivela kwiimbewana ezidelekileyo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

HSE Manager

Cape Town
Tumaini Consulting
R550 000.00 - R650 000.00 Per Year

SQL Reporter

Cape Town
Communicate Cape Town IT
R10 000.00 - R12 000.00 Per Month

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.