Masizingce ngesi Xhosa sethu!

2018-11-29 06:02

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City
Vision
.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli
qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki
elandelayo.

ISACI: Ukutsala ngempumlo.

ISACI: Ukuphuma ngempumlo.

IQHALO: Umona usuka esweni.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ukoma umlomo:

Luvo Niyakhe, Philippi: Kukuswela into okanye ukunxanwa.

Grace Bongo, Langa: Kukungabi nanto yakuthetha.

Zukie Mdunyelwa, Makhaza: Lunxano.

Mavis Nkata, Khayelitsha: Ukungabi nazwi lakuthetha.

Zameka Magama, Old Crossroads: Kuthetha ukulamba. Xa ulambile kuvele kungabikho namathe.

Zoleka Njoli, Site B: Kukungabi nanto yakuthetha.

Neliswa Magwaxaza, Gugulethu: Ukuviwa ngumntu uthetha kakubi ngaye.

. Lahluthw’inqatha emlonyeni:

Luvo: Kukuthathwa kwento ibiluncedo kuwe.

Grace: Kukuthi umntu into esithi uyifumene iphinde imphuncuke.

Zukie: Ukuthi izinto sezikuzela kakuhle ebomini kuphele le ndawo ubufumana kuyo.

Mavis: Xa ubunethemba ihluthwe sowuyibambile into. Umzekelo ugxothwe emsebenzini ubusanda ukungena.

Zameka: Kuthethwa ukuba uthi lento intle sowuyifumana kwavela nje into ebangela ukuba ungayifumani, sele usithi
uyibambile.

Zoleka: Kukuphulukana nento obusithi unayo.

. Ubuso bendoda ziinkomo:

Luvo: Indoda ezeka umfazi kujongwa amandla entsebenzo enawo, hayi ubuhle.

Grace: Umntu mhle ngezenzo.

Zukie: Nokuba indoda ingambi, ukuba inemali intle lo ndoda.

Mavis: Nokuba umfana akamhlanga, ayiyongxaki iinkomo zakhe ayokulobola ngazo zona zakubantle.

Zameka: Noba imbi kangakanani indoda, iyakwazi ukuba nomfazi ukuba nje inazo iinkomo zokulobola. Soze idinge mfazi kuba imbi. Ngenxa yenkomo itsho ibentle.

Zokeka: Akujongwa buhle bandoda, koko ithethelelwa zinkomo.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi umnumzana E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci namaqhalo eveki edlulileyo:

Ukoma umlomo: Kukungabi nanto yakuthetha. Nomntu olambileyo woma umlomo.

Lahluthw’inqatha emlonyeni: Kukuthi umntu ebesithi uyifumene into isuke
imphuluke.

Ubuso bendoda ziinkomo: Xa kuthethwa ngendoda akutshiwo ukuthi imbi kuba obayo ubuhle abukho apho ebusweni, kodwa busemfuyweni yayo. Yiyo le nto ungabona intombi entle itshate umfo ongxathu, kujongwe ubuhlanti bakhe.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

SQL Reporter

Cape Town
Communicate Cape Town IT
R10 000.00 - R12 000.00 Per Month

HSE Manager

Cape Town
Tumaini Consulting
R550 000.00 - R650 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.