Masizingce ngesi Xhosa sethu!

2018-12-06 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City
Vision
.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Into ef’amanqa.

ISACI: Ubhalela edolweni.

IQHALO: Izithuku-thuku zenja ziphelela eboyeni?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

. Ukutsala ngempumlo:

Mfuza Bonase, Marcus Garvey: Kukulawula umntu ngendlela eyintando yakho, ufune eve ngawe yonke into. Umtsala ngempulo ngolohlobo.

Grace Bongo, Langa: Ukwenzisa umntu into ngenkani nokuba akathandi.

Zukie Mdunyelwa, Makhaza: Kukulawulwa kwendoda ngumfazi emphehluzelisa kodwa indoda ingaboni nto kulonto bathi ababukeleyo hayi umntsala ngempulo.

Vuyiseko Ndabeni, W Section Site B: Ukurhorhozela nje uphethwe ngomnye umntu.

Ntuthuzelo Solani, Gugulethu: Umzekelo xa sukube umntu obhinqileyo ethetha, afune indoda ive ngaye okanye eyigqibela kuye kuthiwe indoda yakhe uyitsala ngempumlo.

Zoleka Njoli, Site B: Ukwenzisa umntu into angayithandiyo.

. Ukuphuma ngempumlo:

Grace: Ngumntu othetha kamnandi ulwimi lwasemzini.

Zukie: Kukufaniswa komntana welokhaya kuthwe hayi uphume ngempumlo yena ngeba ufana no yise.

Vuyiseko: Ukucikoza ukhawulezisa xa uthetha.

Ntuthuzelo: Kukuzikhwebula entweni.

Zoleka : Ukungathintilizi kulwimi olungelolwakho, okanye ukutsarhwa ukutya kuphume ngeempumlo.

. Umona usuka esweni:

Mfuza: Ukuze ubenomona uqala ubone kuqala, ubone intwezintle emntwini umona uqala ngobona. Wonke umona uqala ekuboneni into entle komnye

Grace:Kukubona into komnye umntu ube sowuyinqwenelela wena.

Zukie: Ubona into ngeliso kuzale umona entliziyweni.

Vuyiseko: Uthi umntu aze abe nomona bone into entle komnye umntu.

Ntuthuzelo: Xa sukube engaziva ngumona.

Zokeka: Ukumonela umntu ngokumbona enento.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi umnumzana E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci namaqhalo eveki edlulileyo:

Ukutsala ngempumlo: Ukwenza omnye enze nantoni na ayixelelwayo nokuba akathandi.

Ukuphuma ngempumlo: Le ntetho isetyenziswa ukuncoma umntu othile othetha ulwimi oluthile kakuhle. Kuye kutshiwo nakumntu otye kakhulu, kuthiwe ukutya kude kwaphuma ngempulo.

Umona usuka esweni: Umntu umonela omnye ngenxa yokusuka abone into yomnye lowo, abe sel’eyinqwenela.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.