Masizingce ngolwimi lwethu

2019-02-07 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision. Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo. Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Unyawo lwemfene?

ISACI: Uxam waphusile?

IQHALO: Usana olungakhaliyo lufela embelekweni?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

. Ukutheza olunenkume:

Zameka Magama Madikane, Old Crossroads: Kukuzifaka ngokwakho engxakini ungalindelanga.

Zoleka Njoli, Site B: Ukuziqhwayela inkathazo.

Anelisa Beja, Nyanga East: Ukuzibizela ingxaki enkulu.

Zukiswa Mdunyelwa, Harare: Ukuzibizela inkathazo.

Nombuzo Luwaca, Enkanini: Kukuzifaka engxakini enkulu.

Malwande Ntulo, Site B: Ukuzizisela ingxaki ikude nawe

. Ukucobana iintwala:

Zameka: kukuvana, ukubazitshomi nixhasane noba kunzima kangakanani ningalahlani.

Zoleka: Kukuvana.

Anelisa: Ukuvana.

Zukiswa: Ngabantu abazitshomi.

Nombuzo: Ngabantu abavanayo kakhulu, noba umntu usengxakini akahlekisi ngayo.

Malwande: Abantu abazizihlobo zokwenene.

. Alitshoni lingenandaba:

Zameka: Yonke imihla soloko ikhona into yokuthetha isiganeko esithile esimanyumnyezi.

Zoleka: Mihla le kukho isiganeko esibi noba sesihle.

Anelisa: Yonke imihla kusoloko kuvela indaba ezintsha.

Zukiswa: Mini nganye inento yayo ngekhe litshone ilanga kungenzekanga nto.

Nombuzo: Kuthetha ukuthi namhlanje uva lena, ngomso uphinde uve enye.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo sibuzisa ngawo:

Ukutheza olunenkume: Ukuzibizela ukhwembe-khwembe okanye ukuzizisela inkathazo.

Inkume sisinambuzane esoyikwa kakhulu esinobungozi. Kukho inkolo yokuba ingena endlebeni, ze kubenzima ukuyikhupha.

Ukucobana iintwala: Ngabantu abevanayo, abahlebelanayo iinto ezinkulu. Iintwala yinto apha engekho ntle, kwaye akukho mntu uthanda ukuxelelwa ngomnye nje umntu ngazo.

Ngabantu abasondele kakhulu abakwazi ukuxelela ngazo.

Alitshoni lingenandaba: Ulowo umhla uneento zawo, ezintle nezimbi. Imini nganye inesifundo nolwazi nodaba eza nalo.

Amagama eveki edlulileyo:

Intloko:

Zameka: Ukuyibamba isavele ngentloko, kukuyikhawulela uthi ungekayiva nakakuhle lonto kuthethwa ngayo sowuphendula ungayivanga nakakuhle.

Zoleka: Ukuhla entloko; ukuqubula.

Igusha:

Zameka: Ingcuka eyombethe ufele lwegusha; kuxa umntu ebenza ngathi uyakuthanda azenze umhlobo wakho de umthembe kanti ngenye imini uzakujikela akulimaze ungacingelanga.

Zoleka: Ukuba yigusha; kukulunga.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Amasi?

Indlebe?

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.