Mxhosa zingce ngolwimi lwakho

2019-01-24 06:01

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Ukufihla amehlo?

ISACI: Ukuba ukucela amehlo?

IQHALO: Inxeba le ndoda alihlekwa?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Igqabi likalonji:

Siphamandla Qwebe, Khayelitsha (A-section): Umdiza okanye icuba.

Zoleka Njoli, Site B: Butywala besilungu.

Zuki Mdunyelwa, Harare: Ngumntu obalaseleyo ezintweni.

. Ukuba ligqabi:

Siphamandla: Ukubalasela ngobuhle.

Zoleka: Kukubaleka kakhulu.

Zuki: Ngumntu onomsindo.

. Elokufa alityeli:

Siphamandla: Into entle iyabukwa.

Zoleka: Ukufa kufika naninina, akubhungisi.

Zuki: Kukufungela umntu okwenze into embi.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo sibuzisa ngawo:

Igqabi likalonji: Esi saci sibhekisa kutywala besilungu.

Ukuba ligqabi: Ukubaleka; ukugqotsa okwegqabi lomthi lisimka nomoya.

Elokufa alityeli: Ukuthi ukufa kuza kungabhungisananga namntu.

Amagama eveki edlulileyo:

Indlela:

Mzoxolo Tshawe Nqabeni, Nyanga: Umvundla uzeke indlela; kukufuza phantse ngento yonke.

Ntombi, Town Two: Umazi wendlela ngowakhe wayihamba; xa usenza umzekelo okanye ucebisa ngento uzama ukulumkisa uba umntu abuyise unyawo ku lonto.

Siphamandla: Indlela yaziwa ngumhambi wayo; yonke into inomenzi wayo kwaye yaziwa ngumenzi wayo.

Zoleka: Akukho ndlela mbini; kukuphelelwa ngamaqhinga de uzincame.

Vusi Nontyida, Harare: Umvundla uzekindlela, sisaci. Indlela yaziwa ngumhambi wayo.

Zameka Magama Madikane, Old Crossroads: Umvundla uzekindlela; Eliqhalo libhekiswa kumntwana owenza izinto ezimbi, efana nqwa neyomzali wakhe imikhwa emibi engathandekiyo.

Umlomo:

Mzoxolo: Umlomo awubekwa siziba; ukuthetha nje kungekho mntu onokunqanda.

Ntombi: Inkukhu isikw` umlomo; xa sukuba usweli nto yokuthetha okanye ungazi uba uphendule uthini.

Siphamandla: Umlomo uyadala; yonke into oyithetha ngomlomo wakho iyafezeka ibeyinto ephilayo.

Zoleka: Ungcungcu ngomlomo; umntu othetha izinto eziyimfihlo, umbambo azihlalinto.

Zameka: Inkukhu isikwe umlomo; kutshiwo xa uxelelwe into ongayilindelanga waza awabanampendulo yiyo uthi ngoku uxelelwe usuke uthule ubeyinkukhu esikwe umlomo.

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Inkawu?

Ingcuka?

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.