S
ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision .
Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za
Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.
Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.
Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.
Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.
ISACI : Ukutheza olunenkume?
ISACI : Ukuchobana iintwala?
IQHALO : Alitshoni lingena ndaba?
V
Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.
Iimpendulo zeveki edlulileyo:
. Ukufihla amehlo:
Siphamandla Qwebe, Khayelitsha (A-section):
Ukwenza ngokungathi awubonanga, ngenxa yokutyiwa zintloni okanye lisikizi.
Zoleka Njoli, Site B: Ukungayibukeli into emanyumnyezi.
Mavis Nkatha, Harare:
Ukuzimelisa amehlo ngenjongo yokuba ungayiboni okanye ungabonwa ngumntu obalaseleyo ezintweni.
Fikiswa Sewula; Lower Crossroads: Ukucimela.
Buyiswa Magqaza, Harare: Xa unentloni yinto ongafuni kuyibona.
. Ukucela amehlo:
Siphamandla: K ukuzijongisa ngabantu mhlawumbi ngesinxibo okanye ngokuthethela phezulu.
Zoleka:
Ukufuna uba kujongwe kuwe.
Buyiswa: Xa ufuna ukujongwa ngabantu ugqezula
Mavis: Ukufuna abantu bajonge kuwe.
Fikiswa: Ukuthanda ukwenza into ezijongisayo.
. Inxeba le ndoda alihlekwa:
Siphamandla:
Akonwatywa ngengxaki yomnye umntu.
Zoleka :
Umntu osengxakini akahlekwa.
Mavis: Umntu xa evelelwe yingxaki akahlekwa kodwa uyancedwa.
Fikiswa: Suyihleka intlungu yomntu.
Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo sibuzisa ngawo:
Ukufihla amehlo: Ukungayijongi into kuba ingabukeki okanye imanyukunyezi.
Ukucela amehlo:
Kuthethwa ukwenza into kuba ufuna ukunconywa okanye ukudlisela.
Inxeba le ndoda alihlekwa:
Umntu osengozini nasengxakini makungahlekiswa ngaye, makancedwe.
Amagama eveki edlulileyo:
Inkawu:
Lulama Dorane, F section Khayelitsha: Inkawu ityiw’ilila; kutsho ukuthi nyamezela noba kunzima.
Mavis: Inkawu inqweme lenkawu lidliwa babini; ihlebo lelabantu ababini
Siphamandla: Indlela yaziwa ngumhambi wayo; yonke into inomenzi wayo, kwaye yaziwa ngumenzi wayo.
Zoleka:
Ukukhatywa yinkawu.
Majola, Crossroads: Unqweme lenkawu lityiwa ngababini owesithathu ngumnqakathi; sisaci esichaza ukuba ihlebo lethu/ into besiyihleba okanye siyibhunga ayidluleli kowesithathu ngoba uzayiveza.
Ingcuka:
Lulama:
Ingcuka eyambethe ufele lwegusha; kutshiwo kumntu ozenza umntu angenguye.
Mavis:
Ubuqholo bengcuka; amaqhinga asetyenziswa yingcuka.
Zoleka: Ingcuka eyambethe ufele lwegusha; ngumkhohlisi.
Majola: Ungandixeleli ngaloo mntu lowo yingcuka eyambethe ufele lwegusha.
Elokuqwela:
Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:
Intloko?
Igusha?