Safa ngamapharaphara

2018-10-18 06:02
Uluntu lwakoo W luthi lwanele ngumlo weerote kunye namapharaphara. Umfanekiso: Lindile mbontsi

Uluntu lwakoo W luthi lwanele ngumlo weerote kunye namapharaphara. Umfanekiso: Lindile mbontsi

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Lugrogrisa ngoqhankqalazo uluntu lwakoo W, eSite B, ukuba ngaba izikhalazo zalo azisiwa so ngabase magunyeni.

NgeCawa, iqaqobana la bantu lwalo mmandla luthe lwazama ukuvala umzila wendlela iMew Way, ngomgqomo wenkunkuma eliwusola ngokuba ngunobangela weengxaki abajongene nazo.

Phakathi kokunye, abahlali batyhola iSixeko saseKapa ngoku ngazinanzi izikhalazo zabo, logama bethe gqolo ukuba ngamaxhoba olwaphulo mthetho kunye neempuku.

Ngokwengxelo, ubomi bujike bafana nencindi yekhala kubahlali bale ndawo ngenxa “yamapharaphara” kunye na magundwana aphuma kulo mgqomo. Kubikwa ukuba lo mgqomo ufanele ukufaka inkunkuma yabahlali bakoo TR, koko usuke wayindawo yezigebenga.

Abahlali abalugcwabevu ngumsindo batyhola ngelithi kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kufunyenwe intwazana eqikelelwa kwi 15 leminyaka ivalelwe ngaphakathi. Oku kulandela uthotho lweziganeko zo lwaphulo-mthetho. Kutyholwa ngelithi oonqevu basebenzisa lo mgqomo ukugila yonke imikhuba, kuquka ubukoli.

Usihlalo wekomiti yabahlali, uSimphiwe Ngxande, uthe sele kulithuba befumana izikhalazo ngalo mgqomo, kwaye iinzame zabo zokunyanzelisa abase magunyeni ukuba benze into ngawo ziwe phantsi.

“Sizakuhlala apha phakathi evekini sijonge imeko. Ukuba abenzi nto sizakuphinda sivale umgaqo,” utshilo uNgxande.

Uceba wendawo, uLulekwa Jali uthe uzazi zonke iingxaki ezijamelene nabahlali, kodwa iinzame zakhe zokunceda zifa namthanyane. Uthe kudala ekhalaza kumaziko ohlukeneyo kamasipala, neCandelo lezeMpilo kunye nelijamelene no coceko.

“Okona kubuhlungu kukuba le meko ichaphazela kakhulu abantu abadala,” utshilo.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

HSE Manager

Cape Town
Tumaini Consulting
R550 000.00 - R650 000.00 Per Year

IT Manager (contract)

Cape Town CBD
Communicate Cape Town IT
R330 000.00 - R458 000.00 Per Year

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.