“Satsho sa phefumla”

2019-01-31 06:22
Iinkokheli zase Kanana, phambili: Nozuko Mtshizana, Anderson Sizane, Sosihle Gazi, Amanda Ntulo kunye noThulwana Mkotla, behamba-hamba kule ngingqi..                                PHOTO: UNATHI OBOSE

Iinkokheli zase Kanana, phambili: Nozuko Mtshizana, Anderson Sizane, Sosihle Gazi, Amanda Ntulo kunye noThulwana Mkotla, behamba-hamba kule ngingqi.. PHOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Zibuyele esiqhelweni izinto kumatyotyombe ase Kanana, ngase Gugulethu, emva kwenyanga eziliqela abahlali bephila ebugxwayibeni.

Ngokwengxelo, imbambano iqale emva kokuba inkampani yokucoca yabucala Women on Boards, nebiqeshwe siSixeko saseKapa yathi yazibeka phantsi intambo kwinyanga yeKhala (July) kunyaka odlulileyo emva kokungavisisani nabasebenzi bayo.

Inyathelo lale nkampani lakhokelela kungcoliseko olukwinqanaba eliphezulu kula mmandla, njengoko bekungekho bani wokucoca. Inkoliso yezitalato besele zizele imfucumfucu, logama isankqange sevumba besisenza kubenzima nokuphefumla. Ukanti no mjelo wamanzi onqumla kule ndawo ubuzele ungcoliseko.

Ukanti lo nomji ufikelele esiphelweni ebutsheni bale veki, ngethuba inkampani eqeshelwe ukucoca le ndawo ibuyela etorweni, kulandela ukusonjululwa kwemiba engundoqo nabahlali.

Kubekhona intlantsi yethemba xeshikweni le nkampani iqalisa ukucoca kule ngingqi ngoMvulo.

Omnye wabahlali uLuvuyo Kana uthe wancama wagalela umhlaba eyadini yakhe ukuzama ukonyusa umgangatho ukwenzela amanzi angangeni endlini.

“Roqo ngempelaveki la manzi angena apha eyadini, afune ukungena endlini ngenxa yokuba maninzi kwaye abantu bahlamba impahla ze bakugqiba bachithe amanzi amdaka kula manzi,” utshilo uKana. Wongeze ngelithi ebesele wabuncama ubuthongo ngenxa yokungcungcuthekiswa ngala manzi.

Ukwathe ixesha elininzi uhlala evalile emnyango ngenxa yokubaleka ivumba kunye nempukane.

“Siyangcungcutheka apha asonwabanga yindlela esihleli ngayo,” utshilo. “Abantwana bethu bagula oko. Singabahlali sifuna izindlu ezingcono sohlukane nokuhlala ebugxwayibeni.”

Enye yeenkokheli zokuhlala uAnderson Sizani ukungqinile ukuba lo mjelo unexesha elide kakhulu ungasacocwa.

“Sizinkokheli asinamandla okunyanzelisa abantu ukuba mabavote ngenkani. Kuyo yonke into abayithethayo siyabaxhasa ngoba nathi sithunywe ngabo,” utshilo.

Wongeze ngelithi uceba uyeza ebahlalini azothetha ngezinto ezidla umzi, kodwa akathethi ngele yalo mjelo.

Ephawula ngokwenzeka kwiwadi yakhe u44, uceba uBongani Ngcombolo uyiphikile intetho ethi akazange awuphakamise umba womjelo entlanganisweni.

“Bekukhona ukungaboni ngasonye phakathi kweSixeko kunye nenkampani bebeyichongile ukuba mayicoce, kodwa iphinde yabuyela emsebnzini ngoMvulo.” utshilo uNgcombolo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.