Simandundu isimo eMxenge

2020-04-16 06:02
Iinkokheli zokuhla uVuyani Vanyaza kunye no Zukiswa Matolengwe babonisa ngenye yeebhokisi zombane ezithe zonakaliswa. : unathi obose

Iinkokheli zokuhla uVuyani Vanyaza kunye no Zukiswa Matolengwe babonisa ngenye yeebhokisi zombane ezithe zonakaliswa. : unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bafunge bamunc’ intupha abahlali base Victoria Mxenge, ePhilippi, ngelithi akukho namnye umntu ohlala kumatyotyombe aseCyril Ramaphosa oyakuze aphinde atsale umbane ngokungekho semthethwe kula ngingqi.

Abahlali baseMxenge, nabalugcwabevu ngumsindo, bathi baxolele ukujinga amehlo kunokuba baphile ubomi bokungcungcutheka endaweni yabo ngenxa yoluntu lwaseRamaphosa. Bathembisa ngelithi bazakujongana ngqo ngezikhondo zamehlo noonqevu ababangela ukuba ubomi babo bufane nencindi yekhala.

Ngokwengxelo yeenkokheli zokuhlala eMxenge, kususela mhla kwafika abantu baseRamaphosa izinto azange zaphinda zabantle kule ngingqi. Batyhola uluntu lwaseRamaphosa ngokuba umbane kwiibhokisi ezizinze kwindawo yabo, ntoleyo abathi ibabangela iingxaki ezingalawulekiyo.

Emva kokunyamezela le meko ixesha elide, ngoMvulo umhla we 13 kuTshazimpunzi abahlali baseMxenge baphume iphulo baqhawula zonke iintabo zombane ezingekho mthethweni.

Olilungu lekomiti yokuhlala uZukiswa Matolengwe uthe baxolele ukuba zilime ziye kuma etyeni, kunokuba banyamezele ukuhlukunyezwa endaweni yabo.

Uhambise wathi kudala beyijongile le nyewe ukususela ngomnyaka ka 2018. “Susela oko babeka amatyotyombe abo ngenkani kula ndowo zange sonwaba,” utshilo.

Waleke ngelithi abasebenzi bakwa Eskom bayafika mihla le bawulungise umbane, kungekudala uphinde umoshakale.

Utyhole uluntu lwaseRamaphosa ngokugrogrisa abantu abaxaba endleleni yabo ngokuthi baphathe izikhali ezinobungozi xana besenza lo mkhwa.

Uqhube wathi kukho izitalato esele kuphele ngaphezulu kweenyanga ezintathu zingalayiti ngenxa yomonakalo owenziwe ngaba nqalintloko.

“Ngoku sixolele ukufa, akukho mntu uyakuphinda atsale umbane ngokungekho semthethweni kule ngingqi. Singabahlali siphume iphulo lokuwangqala ngqo la masela. Sibaxelele abantu baseRamaphosa ukuba asibafuni apha kule ngingqi, kwaye mabohlukane nokusiqhekezela iibhokisi zethu zombane,” ucacise watsho uMatolengwe.

Uhambise wathi bavuswe umnyele yindelelo ethe yenziwa liqela labafana abathandathu ngempelaveki. “NgoMgqibelo emva kwemini ndibone kufika abafana abathandathu abasuka eRamaphosa besithi bacela ukutsala umbane kule bhokisi ilapha phambi kwendlu kwesi sitalato sam. Ndiye ndabaxelela ukuba andinabhokisi mna. Iibhokisi ezilapha phandle zixhomekeke kubahlali hayi mna. Ndiye ndabayalela ukuba baphinde babuye emva kweeyure ezimbini ndizakuqokelela abahlali,” uye watsho uMatolengwe.

Waleke ngelithi ekubuyeni kwalo eliqela balichazele ukuba abavumelani nesicelo salo. Utyhole ngelithi inkoliso yeebhokisi zombane kule ngingqi azisebenzi ngenxa yokubiwa kombane.

Waleke ngelithi aboneli nje kukuba umbane, koko baba namanzi. “Iindlela zethu zombiwe kulungiselelwa le mibhobho yamanzi kunye nabagesi batsala ngabo. Indlela zethu zinemingxunya ngenxa yabantu baseRamaphosa,” utshilo uMatolengwe.

Enye yeenkokheli zase Mxenge uVuyani Vanyaza uthe bakwafumanise ukuba oku kwenziwa njengeshishini. “Siye safumanisa ukuba aba bantu batsala umbane kwezi bhokisi zethu baye batsalise abanye abantu abahlala kwa phayana bababize imali. Uthe ngokweengxelo zabahlali kukho abantu abahlawula ama R300 nangaphezulu ngenyanga kwaba bantu batsala umbane.

Ilungu le komiti eRamaphosa uBabalwa Siswana uthe banolwazi ngokutsalwa kombane ngokungekho semthethweni eMxenge, watsho ebongoza abenzi ukuba bohlukane nalo mkhwa.

“Siyafumanisa ukuba likhona iqaqobana labantu abahleli nje baba umbane eMxenge. Siziinkokheli nabanye abahlali besikhe saya eMxenge sibizwe ngabahlali baphayana besixelela ngalento. Sathi ukubuya kwethu sabiza abahlali sabacela ukuba bohlukane nalo mkhuba bawenzayo ngoba safumanisa ukuba bawutsala ngenkani lo mbane,” uthethe watsho. Wongeze ngelithi umthetho kuza kufuneka udlale indima yawo kwabo babanjiweyo.

Uceba kawadi 80, noquka ezingingqi zimbini, uNkululeko Mgolombane uthe unolwazi lwale meko, watsho esithi isezandleni zamapolisa. “Lo mcimbi usezandleni zamapolisa ngoku ndithetha nawe. Kwaye nakwamasipala ndibazisile ukuba bazokulungisa ezibhokisi zimoshwe ngaba bantu kwaye bathembisile ukuba bazakuza,” utshilo uceba.

U-Mgolombane uthe unobangela wokuba kungafakwa zinkonzo eRamaphosa kungokuba la mhlaba awukho phantsi kukamasipala.

Umphathi wesitishi samapolisa aseNyanga uVuyisa Ncata uthe bakhona abantu ababanjiweyo mayela nale migushuzo, kodwa watsho esithi akanazo inkcukacha ezipheleleyo mayela netyala eli.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.