Sisankxwe esikolweni

2019-03-07 06:02
Usekela sihlalo wesigqeba sabazali eMkhanyiseli uSimphiwe Ndlazilana ukhomba enye yendawo ezibhobokileyo kwesisikolo.IIFOTO: UNATHI OBOSE

Usekela sihlalo wesigqeba sabazali eMkhanyiseli uSimphiwe Ndlazilana ukhomba enye yendawo ezibhobokileyo kwesisikolo.IIFOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Sikhala ngesimo esimaxongo isigqeba esilawula isikolo samabanga aphantsi iMkhanyiseli, eNyanga, satsho simemelela iSebe leZemfundo kwiphondo ukuba lingenelele ngaphambi kokuba kugaleleke inkwankca yo busika.

Esi sikolo, nesithe tshitshilili ngakwisikhululo sezithuthi zika wonke-wonke eNyanga, sisebugxwayibeni ngokokutsho kwabazali. Inkoliso yamagumbi inemingxunya logama amanye, kuquka elika Grade R kunye no Grade 1, engekho mgangathweni. Ukanti abazali bavakalise inkxalabo ngokhukhuliseko lo mhlaba olwenzeka ngakwamanye amagumbi, nto leyo abathi ibeka ubomi babafundi emngciphekweni.

Ababazali abalugcwabevu ngumsindo batyhole iSebe leZemfundo ngokurhuqa inyawo ukutshintsha isimo kwesi sikolo.

Usekela sihlalo wesigqeba esilawula isikolo uSimphiwe Ndlazulwana uchaze izakhiwo zesi sikolo njengezakhiwa ngemihla yocalu-calulo. Wongeze ngelithi amanye amagumbi akhiwe ngezinto ezithambileyo. “Esi sesinye sezikolo ezidala kule ngingqi, sakhiwa ngomnyaka ka1948,” utshilo. “Kwaye inkoliso yamagumbi ngawethutyana, awenziwanga ngezitena. Ngoku sifuna isebe lichithe lamagumbi bawakhe ngokutsha.”

U-Ndlazulwana wongeze ngelithi inxalenye yamagumbi afuna ukupeyintwa.

Uthi elona xhala labo kukuba abona bantu basengozini kakhulu ngabafundi ngoba amagumbi angadilika nanini na.

“Esi sikolo siyavuza xa kunetha kwaye namagumbi okufundela ayalengalenga isanti imkile ngaphantsi nanjengokuba engakhiwanga ngezitena,” utshilo.

U-Ndlazulwana ukwamemelele ukongezwa kwenani la magumbi okufundela ngelithi umthamo wabafundi mninzi kakhulu. “Sinye isakhiwo esisesemgangathweni apha, sesi sifunda abantwana ukuqala kwibanga lesine (Grade 4) ukuya kwibanga lesixhenxe (Grade 7) kuba sona sakhiwo kunyaka ka 1997. Zonke nje ezinye izakhiwo zezakudala azinazo kwa ventilators,” utshilo uNdlazulwana.

Utyhole ngelithi bebekhe bazama besi sigqeba sesikolo ukuthethana neSebe leZemfundo kwiphondo leNtshona Koloni amatyeli aliqela ukuzama ukuchophela lo mcimbi kodwa akukacaci nto.

Utyhole ngelithi iinzame zabo zaqala ngomnyaka u 2017, ukanti yonke imizamo yabo yabethiswa ngoyaba.

“Kude kwaba ngumhla wama 23 kweyoMqungu kulo nyaka apho siye saya kwi ofisi yesebe lezeMfundo siyodlulisa ixwebhu lezikhalazo zethu singabazali. Apho baye baphendula ngeleta besithembisa ukuba isikolo sizakwakhiwa kwimali yohlahlo lwabiwo mali lonyaka u2022/23,” utshilo.

Uthe kwiveki ephelileyo ngoLwesine baye baya kwi-ofisi kamphathiswa weSiseko kwezeMfundo uAngie Matshekga nalapho beyofaka ixwebhu lezikhalazo zabo. “Siye samnika iintsuku ezisixhenxe ukuba umphathiswa aphendule izikhalazo zethu,” wongeze ngelitshoyo Ndlazulwana.

Inqununu yesikolo uMalusi Dyantyi ngakhe avume ukuphawula kulo mba ngelithi ngokomthetho weSebe lezeMfundo abavumelekanga besi sikolo ukuba bathethe noonondaba.

Ephawula ngoluhlu lwezikhalazo ebezithunyelwe ngamalungu esigqeba umphathiswa wezeMfundo ephondweni uDebbie Schafer ukungqinile ukuba iMkhanyiseli izakuyifumana imali yokuhlaziya amagumbi kuhlalo lwabiwo mali lomnyaka ka 2022/23.

Ungqinile ukuba isikolo sahlolwa ngonyaka ka 2017 ukujonga imeko ekuso. “Ngokubona ubungqina obuthe baboniswa ngemeko esikuyo, kwaye nangendlela esisazi ngayo indlela esiqhuba ngayo kwezemfundo, ndiye ndayalela amalungu athile esebe lam ukuba ayojonga umonakalo ukuba mngakanani na kwaye zeziphi izinto ezinokuthi kuqalwe ngazo,” utshilo Schafer.

U Schafer ulindele ukuba emva kokuba uhlolo lwenziwe anikwe inkcazelo kwakunye nezinto ezinokuthi zenziwe zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.