Sisinde kwi sihelegu semoto

2018-10-11 06:02
U Nokuthula Ndzece akakholelwa ukuba usaphila, emveni kokuba kumbonzeleke inqwelo mafutha esahleli nesithandwa sakhe nge Cawa.PHOTO: thulani magazi

U Nokuthula Ndzece akakholelwa ukuba usaphila, emveni kokuba kumbonzeleke inqwelo mafutha esahleli nesithandwa sakhe nge Cawa.PHOTO: thulani magazi

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Isinde ngokulambisa intokazi yase Site B eKhayelitsha, uNokuthula Ndzece, kunye nesinqandamathe sayo u-Ayanda Maneli emva kokuba isithuthi - nekuranelwa ukuba umqhubi waso ubezitshize ngobhelu lomsele - simbonzeleke kwityotyombe labo kubusuku bangeCawa.

Esi siganeko senzeke kwingingqi yakoo U, mayela necala emva kwentsimbi ye 11.

Kutyholwa ngelithi umqhubi wesithuthi uye wohluleka kukusilawula kwindlela iMew Way, ngakoo TR, saze sakhalala umgaqo saya kutshayisa idonga elikhusela izindlu koo U, phambi kokuba siye kuxhathisa ngamatyotyombe amabini.

Esi siganeko sivuse umnyele eluntwini, ntoleyo ekhokelele ekonakalisweni kwesi sithuthi.

Ukanti abahlali abe belugcwabevu ngumsindo, babethe ngenqindi phantsi, benyanzelisa abanikazi sithuthi ukuba benze intlawulo, balungise nomonakalo odalwe kumatyotyombe amabini athe achaphazeleka kwesi siganeko.

Isimo sithande ukuba mandundu xeshikweni umnini sithuthi ezama ukusisusa kwindawo yexhwayela.

Abahlali banyanzelise ukuba alungise umonakalo kuqala, batsho bemthintela ukuba athabathe isithuthi sakhe.

Kunyanzeleke okokuba kungenelele amapolisa ukuze abe uyasifumana isithuthi eso, eqale wahlawula ama R2000.

Ephefumla ngesi siganeko, uNdzece uthe le meko imshiye edandathekile emphefumlweni. Uyichaze intlawulo yama R2000 njengomvungulo.

“Ayanelanga ukulungisa eli lam ityotyombe,” utshilo. “Kwaye ishiye umonakalo omkhulu kakhulu le moto, kuquka umabonakude, iwodrobhu kunye nebhedi.”

“Ndikhubeke kakhulu yile meko. Kwaye ngoku imiqolo yethu iphandle,” utshilo uNdzece.

Ukwavakalise inkxalabo ngokuphinda amise ityotyombe lakhe. Uthe eyona nto ibasindisileyo kule ngozi kukuba bebesancokola ngethuba imoto ingena.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.