Sithi halala kuni nonke zidwesha

2020-03-12 06:01

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za.

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision. Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

Sicela zonke impendulo zifike kuthi phambi koLwesibini.

ISACI: Amadolo anzima?

ISACI: Into esemagqabini?

IQHALO: Impuku ayivalelwa neempunzi?

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsApp ku 060 841 5005.

. Ukunqumla impondo:

Zoleka Njoli; Site B: Ukutheza amandla.

Amahle Nyangiwe; Philippi: Kuthethwa ukuthibaza. Inkomo ekhathaza ngokuhlaba ezinye kunye nabantu inqunyulwa impondo kuba ziyingozi.

Zukiswa Mdunyelwa; Makhaza: Umvele apho ebengacingaga khona

. Ukulila esimantshiyane:

Zoleka: Ukukhala esikrakra.

Phelokazi Dyantyi, Tambo Village: Kuxa kukhalwa kakhulu.

Zukiswa: Kukukhala ungathuthuzeleli sililo esothusayo

. Izimba lendlela alivuthwa:

Zoleka: Xa uluncedo ebantwini awubinampumelelo ncam.

Zukiswa: Umntu othanda, indlela ihilihili alinanto intle liyezayo.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi uMnu E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci nala maqhalo eveki endlulileyo.

Ukunqumla impondo: Le ntetho ixela ukuthibaza. Ithi kaloku inkomo ngokuhlaba ezinye kunye nabantu inqunyulwe ezo mpondo.

Ukulila esimantshiyane: Esi saci sithetha ukukhala isijwili esikrakra nesilusizi. Amantshiyane ziintakana ezenza ingxolo ebukhali, ongafika zingumhlabi zithe nkxwe-e.

Izimba lendlela alivuthwa: Eli qhalo libhekiswa ikakhulu kubantu okanye amakhaya asecaleni kwendlela asoloko efikelwa ngabahambi. Ngamafutshane ithetha ukuba abantu abanobubele abasayi kuze babe zizityebi.

Amagama eveki edlulileyo:

. Ikhwekhwe:

Ntuthuzelo Solani; Gugulethu: Ikhwekhwe lwexhwili; ngumntu othanda ukulinganisa oku kwesikhwenene.

Zoleka: Ikhwekhwe lwexhwili; umntu ongafuni kwahlukana nento.

Zukiswa: Ukhwekhwe lwexhwili; ngumntu othanda izinto zabantu oyicukuda.

Mpendulo Picane; Harare: Ikhwekhwe lexhwili; unonca kanonca.

. Amanzi:

Ntuthuzelo: Naxa imvula isina kakhulu; kuthiwa zizantyala-ntyala.

Zoleka: Amanzi angene endlwini; kunyembelekile.

Amahle: Amanzi angene endlini; kuthethwa xa konakele ukuhlala, xa izinto zingemanga kakuhle.

Zukiswa: Amanzi apho akhe ama khona ayakubuya eme; abantu bakhe bazana babuya bahlangane.

Mpendulo: Angenamanz’ endlini; yaqal’ inkathazo

. Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala magama alandelayo:

Iliwa?

Amathe?

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.