Siyazingca ngesi Xhosa sethu!

2018-10-18 06:02

Iphephandaba lakho, iCity Vision, likwi phulo lokuphuhlisa noku khuthaza ulwimi lwesiXhosa.

Njengenxalenye yeli phulo sithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba babe yinxalenye yethu, ngokuthi bazi bandakanye ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into yethu epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Sibongoza ababhali ukuba basiphe igama, ifani kunye nendawo umntu ahlala kuyo xa esibhalela.

Sikunye singenza umahluko omkhulu.

Ukusukela ngoku siza kuthi sipapashe isaci kunye neqhalo, rhoqo ngeveki, sicele intsingiselo kubafundi.

Zonke impendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwiveki elandelayo rhoqo.

Ingaba ithini intsingiselo yezi zaci kunye neliQhalo?

ISACI: Ukwanda ngomlomo.

ISACI: Ukuba nomlomo omde.

IQHALO: Amangomso asa esihogweni.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Ingcuka eyambethe ufele lwegusha:

Nomthandazo Gungqa, Crossroads: Ngumntu ozenza into engeyiyo le nimbona eyiyo (nobungozi).

Mavis Nkata, Khayelitsha: Ngumntu oyingozi kodwa uzenza umntu olungileyo

G.D Dlepu, Khayelitsha: Ngumntu ozenza ilungisa abe ekhohlakele.

Bukelwa Mavis Gibe, Crossroads: Ngumntu omaqhinga, uzenza olungileyo ekhohlakele.

Bulelwa Thonga, Makhaza: Ngumntu ozenza umntu ongenguye, awulibali umntu elungile kuba ethule, umbona ngathi uthule, kanti inkohlakalo ephana ingapha kokuqonda.

Asanda Siswana, Samora Machel: Kuxa kubhekiswa emntwini ongathembakalanga, okanye ongena kumthemba ngoba angakujikela nanini.

Thabile Ntenteni, Khayelitsha: Ngumntu ozenza umntu angenguye.

Nondumiso Manya Toro, Philippi: Ngumntu ozenza ngathi ulungile engalunganga.

Vuyiseko Ndabeni, Site B: Umntu angangena phakathi kwabanye ngesihle ngembonakalo, kanti ufuna ukuba limaza. Ngumntu ozenza ngathi ulungile kanti unobungozi.

. Ubuqholo bengcuka:

Bukelwa: Uyavimba, kodwa uyabawa.

Mavis: Ngumntu okwaziyo ukuqhatha ngamaqhinga.

Nondumiso: Ngumntu onobubi.

Nonkqubela Duda, eKapa: Ngumntu othetha kamnandi kanti yingozi njengo mthundzi.

Vuyiseko: Kukuqulatha amaqhinga ne nkohlakalo.

. Inqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathi:

Nomthandazo: Yinto yabantu abathile, hayi wonke umntu.

Mavis: Inqweme lenkawu lihlebo phakathi kwabantu ababini.

Ngumntu.

Dlepu: Ibhunga lelabantu ababini.

Bukelwa: Into yabantu ababini ayingenwa, owesithathu uyayimosha.

Bulelwa: Thethukuthi into yabantu ababini ayingenwa ngowesithathu, yeyabo babini. Uyoshiyeka wedwa esuphini babe bona bevana.

Asanda: Izinto zabantu ababini abathandanayo azingenwa okanye ingxabano zabo suzingena nzulu cebisa apho unako ukucebisa khona kuphelele apho ngoba bazophinda bavane aba bantu uzophind’ uthini wena?

Nondumiso: Ingxaki ilungiswa ngababini, owesithathu akafuneki.

Nonkqubela: Kaloku inqweme le nkawu yinto yabantu ababini, akafuneki owesithathu.

Vuyiseko: Xa into iyimfihlo okanye igqugula yeyabantu ababini, owesithathu akafuneki kulo mfihlo uza kuphuma nayo

Sabelo, Harare: Abantu ababini abathandanayo owesithathu akafuneki.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi u E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zeveki edlulileyo:

Ingcuka eyambethe ufele lwegusha: Le ntetha ibhekiswa kumntu oyingozi no mkhohlisi wokwenene. KwaXhosa yaziwa ingcuka ngokuthi izambathise ngofele lwegusha xa isiya kuzingela, ukuze iwungene kakuhle umhlabi.

Ubuqholo bengcuka: Esi saci sithetha ukukhohlisa okanye ukulahlekisa. Ingcuka sisilo esinamaghinga nesikhohlakeleyo. Xa ifika endlwini kulelwe iyakwazi ukuthatha umntu imbeke apho ithanda khona, ze imvuthele ngomoya onobushushu ukuze azole ngakumbi. Obo bubuqholo bayo.

Inqweme lenkawu lidliwa babini, owesithathu ngumnqakathi: Eli qhalo libhekisa kwigqugula lwabantu abathile bodwa. IsiXhosa sithi inkawu inenqweme elincinci kakhulu, elanele nje abantu ababini, owesithathu uyasilela.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

Cluster Financial Manager

Cape Town
Network Finance
R950 000.00 - R1 000 000.00 Per Year

SQL Reporter

Cape Town
Communicate Cape Town IT
R10 000.00 - R12 000.00 Per Month

HSE Manager

Cape Town
Tumaini Consulting
R550 000.00 - R650 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.