Thethani nathi siphulaphule

2018-10-18 06:04
OONONDABA: Intatheli zethu, ukusuka ekhohlo, Siyabonga Kalipa, umhleli uThulani Magazi kunye no Unathi Obose.PHOTO: Jay-dee cyster

OONONDABA: Intatheli zethu, ukusuka ekhohlo, Siyabonga Kalipa, umhleli uThulani Magazi kunye no Unathi Obose.PHOTO: Jay-dee cyster

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Iphephandaba loluntu iCity Vision likwiphulo lokuzisa utshintsho kuzo zonke iindawo elifumaneka kuzo.

Njengenxalenye yeli phulo, iCity Vision ihlanganise iqela elitsha loo nondaba. Ukususela kwinyanga yeThupha (August) liqeshe ngokusisigxina umbhali uSiyabonga Kalipa kunye nomhleli uThulani Magazi.

Ukuqeshwa kwesi sibini kuza emva kokuqeshwa kuka Unathi Obose ngenyanga yoMdumba (February) kulo nyaka.

Kungokunje, eli qela lithi likulungele ukuba zindlebe nelizwi kuma waka-waka abafundi be City Vision.

Babongoza abafundi noluntu jikelele ukuba bazibandakanye kolu hambo ngokuthi babalume iindlebe kuzo zonke iindaba ezisekuhlaleni.

“Akukhathaliseki nokuba usesikhomba ngophakathi isinhanha okanye ulelilala lisele amanzi ihlwempu, sikhona ukuze simamele, sizame ukunceda apho sinako,” utshilo uMagazi.

Wongeze ngelithi eyona njongo yeqela lakhe kukuba lilizwi kwabo bangathathelwa ngqalelo, nokuqinisekisa ukuba abasemagunyeni bayaphendula kwimicelimngeni ejongene nabantu abahlala kwiindawo zabantsundu.

“Silapha ukuza kukhonza uluntu lwethu ngokuzinikezela, ukuthembeka ne ntobeko nokuba bakweyiphi na ikona,” wongeze watsho uMagazi.

Uluntu lungasitsalela umnxeba kwezi nombolo zilandelayo uMagazi ku 021 910 6517 okanye ku 083 721 7648, uKalipa ku 021 910 6518 okanye 076 183 3602, Obose ku 021 910 6519 okanye u 073 579 5927.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.