U-Winde uncoma iLutheran

2019-09-05 06:01
U-Mfuneko Dingiswayo ufundisa umsebenzi wodaka e-iThemba Labantu Lutheran Community Centre. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

U-Mfuneko Dingiswayo ufundisa umsebenzi wodaka e-iThemba Labantu Lutheran Community Centre. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Indwendwele iziko eliqeqesha uluntu kwizakhono ezohlukeneyo, ePhilippi, inkulumbuso yeNtshona Koloni uAlan Winde.

Eli ziko, nelibizwa ngokuba yi- iThemba Labantu Lutheran Community Centre, lithi lixhobise abafundi ngezakhono zokulungisa izithuthi, ukwenza izinto zodaka kwakunye nokulungisa imibhobho yamanzi.

Ukanti banalo necandelo lezempilo, logama bekwatyisa abafundi bamabanga aphantsi kuquka ezemidlalo.

Umphathi weli ziko umfundisi Otto Kohlstock uthe akaqali ukuhambela le ndawo uWinde.

“Emveni kokuba wayezile apha waye waba nomdla wokuphinda abuye azokubona yonke lento siyenzayo,” utshilo.

U-Kohlstock uthe baye baqhagamshelana ne ofisi yenkulumbuso nethe yathabatha isigqibo sokuba ize kubona imisebenzi yabo.

Ukuqhwabele izandla ukutyelela kuka Winde kweli ziko njengoko efike ehamba nabantu abasuka kwamanye amacandelo kwakunye neenkampani ezinkulu.

Phakathi kokunye uthe baxoxe ngento yokuba bazakuthini abafundi xa bethe bagqiba izifundo zabo ukuze bafumane imisebenzi kodwa ingxoxo zisezakuqhuba.

Uthe inkulumbuso iye yancoma kakhulu ngomsebenzi abawenzayo ukuzama ukuphuhlisa ulutsha lwale ngingqi.

Omnye wabasebenzi uMfuneko Dingiswayo uthe bafundisa izakhono ukwenzela ukuba abafundi babenokukwazi ukuqala amashishini abo, kwaye kubelula ukufumana imisebenzi xa begqibile ukufunda.

U-Dingiswayo uthe abanye babafundi babo baye baqeshwe kweli ziko xa bethe bazigqiba izifundo zabo.

Wongeze ngelithi uWinde uthembise ukuba naye uzakwenza okusemandleni akhe ukuncedisana nabo.

Ephawula ngolu tyelelo uWinde uthe wafika sivaliwe isikolo ngethuba endwendwele eli ziko ngaphambili. Uvakalise uchulumanco ngumsebenzi owenziwayo kwesi sikolo nongumsebenzi oxhobisa abafundi ukuba bafumane amathuba okuqeshwa.

U-Winde uthe ufike ehamba nabantu abasuka kumasebe ohlukeneyo karhulumente kwakunye nabantu beenkampani ezinkulu.

“Ndonelisekile ukuva ukuba abafundi xabegqibile ufunda apha baye baziqalele amashishini abo kuba oko kudlala indima enkulu ekuvuleni amathuba emisebenzi,” utshilo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.