Ubangele umonakalo wezigidi umlilo

2019-10-24 06:00
Abacimi mlilo bacima ibhasi kaGolden Arrow etshiswe ngabantu abangaziwayo kwindlela i-NY1 eGugulethu.

Abacimi mlilo bacima ibhasi kaGolden Arrow etshiswe ngabantu abangaziwayo kwindlela i-NY1 eGugulethu.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Awakhabe ngawo oomane amarhe okubandakanyeka ekutshisweni kweebhasi zakwa uGolden Arrow ngoLwesihlanu weveki ephelileyo amalungu ombutho weeteksi iCata (Cape Amalgamated Taxi Association).

Ngokwengxelo zintathu ibhasi ezithe zatsha zangqungqa eGugulethu, eLuzuko nasePhilippi. Ukanti ngama 29 iibhasi ezithe zonakaliswa zaze zophulwa iifestile.

Isithethi sakwa Golden Arrow uBronwen Dyke-Beyer uzichaze ezi ziganeko njengezibangele ilahleko enkulu kule nkampani. Uhambise wathi umonakalo wakutshiswa kweebhasi kuphela ufikelela kwizigidi ezisixhenxe. Ibhasi nganye uthe ixabisa iR2.5 yezigidi zee ranti.

“Ezimbini kuzo zitshe zaphela tuuu. Okwalomzuzu unobangela awukaziwa,” utshilo uDyke-Beyer ebongoza uluntu olunolwazi ukuba luze ngaphambili.

Ukanti emveni kwesi siganeko kuye kwathi ndi amarhe okuba esi siganeko siququzelelwe ngumbutho weeteksi, ngxelo ezi zigxijiweyo nguCata.

Isithethi se Cata kwingingqi yaseNyanga uAndile Seyamo uchaze ezi ngxelo nje ngezibuvuvu nezilahlekisa uluntu.

Uthe bengono taxi owabo umlo wawujongene necadelo lezothutho kweli leNtshona Koloni bezama ukuvakalisa indlela embi abaphetheke ngayo ngenxa yamagosa abo wezendlela. “Asinangxaki nebhasi zakwa Golden Arrow. Into esasiyenzile sasivale iindlea eziya kuhola wendlela u-N2 hayi e-NY1. Xa ngaba yayisithi abatshise ezibhasi kungoba ezinye ezi zihambayo kwezinye iindawo zihamba njani ngoba aziphazamisekanga,” uthethe watsho uSeyamo.

Woleke ngelithi akanalo nefifi lokuba ngobani ababehlasele iibhasi.

Ukanti isithethi sesikhululo samapolisa eGugulethu uKhonstable Sindisiwe Ngqele uthe isehlo sokutshiswa kwebhasi e-NY1, woleka ngelithi akukabikho mntu ubanjiweyo kodwa ityala lokukhuthuza kuxhotyiwe livuliwe.

“Kutyholwa ukuba ibhasi ibingena kwindlela i-NY1 isuka kwindlela iGovan Mbeki ngexesha ibidibana neqela labantu abakumyinge weshumi. Baye bama phambi kwayo bayigibisela ngamatye omnye wabo ebephethe umpu,” utshilo uNgqele.

Uthe uye wamisa umqhubi baze aba bantu bebevale indlela bangena ngaphakathi bayalela umqhubi ukuba makohlike.

“Baye bathatha imali engange-R120 ibikumqhubi bophula iifesitile ezine kunye nale yangaphambili inkulu,” ucacise watsho wongeza ngelithi amapolisa asaphanda..

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.