Ubomi ngumzamo kubathengisi

2019-08-15 06:01
U-Nomachule Mhambi ubonisa ngempahla zabatshakazi azithengisayo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE)

U-Nomachule Mhambi ubonisa ngempahla zabatshakazi azithengisayo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE)

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ukuqala ishishini ayiyonto ilula ingakumbi kubantu bantsundu ngoba uninzi lwabo aluthathi ntweni, la ngamazwi omnye woosomashishini abasakhasayo, uNomachule Mhambi, nothengisa iimpahla kwindawo yezithuthi zika wonke-wonke eNyanga.

Lo mama wabantwana abane, nohlala kwindawo yaseDelft, uthi waqala ukuthengisa kule ndawo ngonyaka ka 1995 ngenxa yokunqongophala kwemisebenzi.

“Ekuqaleni kwakungekho lula ngoba kwakubakho amaxesha okuba ndigoduke kungathengwanga. Kodwa ngokuye ndiqhela kwade kwangcono,” uthethe watsho uMhambi.

U-Mhambi uthengisa ikakhulu impahla zabatshakazi kuquka amajerumane, amadakhi, iqhiya, izikhafu, itawuli, iilekese, amantongomane kunye neziselo ezibandayo.

“Yonke lemihla ndivukela apha. NgoMvulo ukuya kutsho ngoLwesihlanu sivula ngentsimbi yesixhenxe ekuseni sivale ngeyesithandathu malanga. Ukanti ngoMgqibelo nange Cawe sivula ngentsimbi yesixhenxe sivale ngecala emva kwentsimbi yesihlanu,” ucacise watsho.

U-Mhambi usichaze isakhono sakhe sokuthunga njengento awayincanca ebeleni, kwaye ukuthanda kakhulu.

Uthe eyona ngxaki abajongene nayo yingqele nemvula eqhaqhazelisa amazinyo ngethuba lasebusika, ukanti ibalilanga elishushu ehlotyeni.

Uthe umnqweno wabo kukuba urhulumente ababonelele ngezixhobo ukuze bakhuseleke ngamaxesha obunzima.

Wongeze ngelithi logama bezama ukugxotha ikati eziko bakwajamelene nomceli mngeni wezigila mikhuba ezifuna ukwenza inzuzo ngabo. “Ubundlobongela abukho bungako ngenxa yokuba sikufutshane nabaqhubi bezithuthi zikawonkewonke. Noxa nje ngamanye amaxesha kukhe kufike abantwana baxhwiphule into bakugqiba babaleke,” uthethe watsho.

Uchaze ukhuphiswano phakathi kwabathengisi njengeluluqilima ngoba uninzi lwabo luthengisa izinto ezifanayo.

“Bangaphaya kwama 50 oosomashishini abakhoyo apha, kwaye sonke sithengisa into enye. Xa uthunga kufuneka ucoselele wenzele ukuba umthengi aze aphinde abuye. Kaloku thina inkoliso yethu sithengiswa ngabathengi bethu ngokuchazela abahlobo babo xa bebuzwa ukuba lonto mntu ayinxibileyo ebeyifumene phi na,” ucacise watsho uMhambi. Woleke ngelithi bayakwazi ukuthungela umntu lonto ayifunayo ngeloxesha. “Ngelinye ixesha umntu uyafika apha esiphathele umfanekiso walonto ayifunayo thina siyenze. Nangoku ndinabathengi abahlala eFish Hoek, kwaLanga, eKhayelitsha, eGugulethu, ePhilippi, eKraaifontein nase Mfuleni,” ucacise watsho.

U-Mhambi wongeze ngelithi eyonto ayithengisayo ifikelelekayo kwizinto ezithungayo ixabisa ama R60 ukanti eyona inexabiso eliphezulu ngama R350. Ubalule inyanga yeSilimela neyoMnga njengezona nyanga ezimenzela imali kakhulu kwishishini lakhe ngoba abantu balungiselela ugoduka.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.