Ucoceko lusondele ku Mdali

2017-10-05 06:01

Andonwabanga emphefumlweni,umbuzo wam uthi ingaba nesizukulwane esizayo sophila ubomi baso kwezimdaka kanje ingxondorha.

Sinentsuku ezi ngama 365 ngonyaka, yonke lonto iyafana nam nawe, bubomi bethu sonke ke obo, qwalasela okanye, xa ukhwele iteksi.

Maxawambi nasiphina isthuthi, kwindlela yasedolophini, umphefumlo uye wonwabe, kodwa isthuthi eso xa sisondele elokshini apho thina bantu sihlala khona, umoya uyehla, futhi sidakumbe sibe kwi nqanaba apha esingaliqondi.

Xa siyiqwalasela, yonke lonto yenziwa bubumdaka, nokungcola kwentlalo yethu mzoNtsundu eMzantsi Afrika.

Iyasichaphazela empilweni ngamandla aqatha.

Mawethu, xa ndikhumbula kwithuba le Apartheid kwiminyaka yo 1980, ngaphambilana, apho ilokishi zonke zaziba ne-cleaning inspection, kucocwe iingingqi, izitrato, namakhaya ethu, ngaxeshanye, ngeempela veki, ngokwethu bahlali.

Hayi kwixesha le democracy, soze uyibone lomphatho’ntle kubaNtsundu kwakhona, intlalo yethu baNtsundu imdaka phuqu, akuhambeki konke-konke.

Ukuya evenkileni kwesilandelayo istrato, ubuya endlini ukhulule izihlangu, ukqongqothe uthuli nesanti engaphakathi kuzo. Asiyompilo yomntu onengqondo leyo. Ngoku mhlali wam, ingxaki siyayibona, masithengeni izixhobo zokucoca, imitshayelo, imihlakulo kunye ne uniforms, khon’ukuze zona i street committee zigcine ezozixhobo ngenkathalo, ukwenzel’imini elandelayo,siyeke ukufuna ukucocelwa ngurhulumente.

Maphelo Daka Crossroads
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.