Ugwayimbo

2019-02-14 06:00
Enye yengqumba zenkunkuma ezisendleli Idada eyahlula iTaiwan kunye nengingqi yako C eSite C. PHOTOS: UNATHI OBOSE

Enye yengqumba zenkunkuma ezisendleli Idada eyahlula iTaiwan kunye nengingqi yako C eSite C. PHOTOS: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abahlali kumatyotyombe aseTaiwan eSite C, baxakene nobomi emva kokuba abasebenzi abacoca langingqi basuke bayeka usebenza bengaziswanga.

Bathi ziveki zine zilandelelana inkunkuma ingaqokelelwa, de baphuma iphulo bengabahlali, baziqokelelela ngokwabo bayibeka ecaleni kwendlela.

Ngethuba iCity Vision ityelele lengingqi ngoLwesibini, indlela enkulu Idada eyohlula iTaiwan kunye nengingqi yako C, iingqumba zenkunkuma bezenze umngcelele ukwehla, kubonakala ukuba sele zinethuba zilapho.

U-Bongile Yelani, ongumhlali kule ngingqi, uthe kukrokreleka ukuba kubekhona ukungavisisani malunga nesivumelwano sengqesho phakathi kwabasebenzi kunye nomqeshi, baze abasebenzi bayeka.

“Akukhonto siyixelelweyo singabahlali ukuba kwenzeke ntoni, sesihamba siyiva nje esithubeni ukuba ikhona ingxaki.

Le nkunkuma uyibona kule ndlela iqokelelwe ngabahlali ngokwabo bazokuyibeka apha endleleni kuba nabo bexakiwe ukuba mabathini,” utshilo uYelani.

Uthi abona bantu bachaphazeleka kakhulu kuyo yonke lento ngabo bona bahlala ngasendleleni.

“Sisengxakini kakhulu thina, ngoba kufuneka siyigadile ingatsalwa zizinja ithi saa.

Kwaye njengokuba kutshisa kangaka, kwanazo impethu zihamba zingene emizini yethu,” ucacise watsho.

Wongeza ngelithi akabasoli abahlali ngezenzo zabo, kodwa bona bayabethakala.

U-Yekani uthi bahlala ngokuvala amacango ngenxa yevumba elibi elingena ezindlini zabo, lisuka kule nkunkuma.

Ingqonyela yenkampani (CEO) Ilitha Lomso, uAndile Ndevu uthe ingxaki ngabahlali abakhalazela ukuqeshwa kwabaphathi (supervisors) abathathu.

“Apha enkamapanini saye saqesha abaphathi abalishumi. Kwavakala ukuba bakhona abathathu ababekhe baqashwa ngaphambili yenye inkampani abathi abahlali mayigxothwe. Siye sabaxelela ukuba asikwazi ukubagxotha, nje ngokuba banga simangalela ezinkundleni zamatyala,” utshilo uNdevu.

Uthe eneneni abahlali baye bagwayimba, besithi, makunga setyenzwa de kusonjululwe lenyewe.

Uthe baye banentlanganiso kule nyanga iphelileyo kunye nesigqeba sebhungana lika masipala (Sub-Council 9) nooceba bala ngingqi (Ntomboxolo Kopman kunye noMlulami Velem) kunye neenkokheli zokuhlala, ngokuzama ukusombulula lo mba.

“Thina siyinkampani, kwintlanganiso ebesinayo ngoMvulo waleveki siye sagqiba ukuba sizakubanqumamisa aba baphathi bobathathu. Kodwa isigqibo sizakusithetha namalungu eSub-Council xana sidibene kwintlanganiso elandelayo,” ucacise watsho uNdevu.

Ongusihlalo kuSub-Council 9 uXolani Sotashe uthe banolwazi ngale nyewe kwaye bayayilandela.

“Ngomso(Lwesithathu) sizakuba ne ntlanganiso kwakunye nabaphathi benkampani nenkokheli zaseTaiwan.”

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.