Ugxeka ukuhlala uSotashe

2019-07-04 06:00
Xolani Sotashe ugxeka iinkokheli ngokwahluleka ukulawula itoyitoyi ethe yasuba umphefumlo ePhilippi. UMFANEKISO: unathi obose

Xolani Sotashe ugxeka iinkokheli ngokwahluleka ukulawula itoyitoyi ethe yasuba umphefumlo ePhilippi. UMFANEKISO: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ukhwel’ ezehlela kwiinkokheli zokuhlala usihlalo wombutho wezopolitiko i-African National Congress (ANC) kwingingqi iDullah Omar, uXolani Sotashe, watsho ezigxeka ngokohluleka ukulawula iimingcelele yoqhankqalazo kwiingingqi ezihlala kuzo.

Oku ukuthethe ngethuba etyelele izihlobo zexhoba lengozi yemoto u-Andiswa Ndevu. U-Ndevu, nobe minyaka ingama 35, usutywe kukufa emva kokuba kutshayiswe isithuthi sakhe ngethuba loqhankqalazo lwabahlali bendawo iMarikana kwiveki ephelileyo. Waswelekela kwindawo yexhwayela.

Nangona zingaqinisekiswanga ezi ngxelo, kutyholwa ngelithi kusweleke abantu ababini ngethuba lalo mbhodamo, nalapho abahlali bebegunyazisa ukufakelwa iinkonzo.

Ephawula ngalo qulukubhode u-Sotashe uthe ayiyongxaki into yokuqhankqalaza xa ngaba abantu bekwenza oko ngokusemthethweni.

Ukanti uthe iye ibe yingxaki xa ngaba le migushuzo ichaphazela abanye abantu ngendlela egwenxa. “Kubalulekile ukuba iinkokheli zazi ukuba ukukhokela kuhambelana noxanduva. Njengenkokheli kuyafuneka ukuba sifundise abahlali ngendlela yokuqubulisana neengxaki zabo ekuhlaleni,” utshilo. “Ayiyongxaki uqhankqalaza, kodwa yingxaki xangaba kuzotshatyalaliswa izinto esele zikhona kunye nokubulawa kwabantu.”

Woleke ngelithi ukuba abahlali base Marikana babengazange bagibisele izithuthi ngamatye uNdevu ngesatya amazimba.

Wongeze ngelithi ubunkokheli bubonakala ngemihla ka xakeka nangendlela inkokheli ethi iwusingathe ngayo umceli mngeni.

Othethela usapho lakwaNdevu uAndile Mayishe, nokwa ngumzala kamfi, uthe uAndiswa usweleke ngoLwesibini weveki edlulileyo ngethuba esendleleni esuka ku sisi wakhe Ilitha Park.

“Ngexesha kusenzeka lengozi ebekhwele yedwa esithuthini. Le moto imtshayisileyo kuyabonakala ukuba ibihamba ngesantya esiphezulu. Imtshayise kwelicala lomkhweli yabotyoza imoto yonke yaminxisela ngaphakathi,” utshilo u-Mayishe.

Uthe belikhaya baxhelekile kwaye bonzakele. “Ngokwenkangeleko le moto imtshayise yamrhuqa into engange kilometers angamashumi amahlanu. Uthe imoto eyayiqhutywa nguNdevu yayiphele vuthu ingenakulungiseka,” uvale ngelitshoyo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.