Ukhunjulwe uMpetha

2019-12-05 06:01
Ingqonyela yeNational Heritage Council uSonwabile Macontywa ngexesha ethetha noluntu eZolani Centre.UMFANEKISO: unathi obose

Ingqonyela yeNational Heritage Council uSonwabile Macontywa ngexesha ethetha noluntu eZolani Centre.UMFANEKISO: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ahlangene kwiholo yoluntu iZolani Centre, eNyanga, ngoLwesine umhla wama 28 kweyeNkanga amalungu ombutho kaKhongolose kunye nawoMkhonto weSizwe ngelokukhumbula amagorha omzabalazo angasekhoyo uOscar Mpetha kunye nowakwakhe uRose.

Lo msitho ubuququzelelwa libhunga lezenkcubeko kuzwelonke, iNational Heritage Council (NHC) ngolwasemzini, njengephulo lokuzama ukukhumbula onke amaqhawe ayesilwela inkululeko ngexesha lengcinezelo.

Ingqonyela yeli bhulnga Sonwabile Mancotywa uthe abakwazi ukwakha isizwe balibale ngamaqhawe awayesilwela eli lizwe.

“U-Oscar Mpetha wayeyinkokheli eyaziwayo kaKhongolose,” utshilo. Ulebele ngethi wayekwa khokela nombutho iUnited Democratic Front (UDF), ekwa ngomnye wabaseki nenkokheli yombutho wabasebenzi iSouth African Congress of Trade Union. “Kodwa kuyo yonke lonto asiliva igama lakhe likhankanywa xa kuthethwayo ngeenkokheli ezalwela eli lizwe,” uhambise watsho uMancotywa.

Uthe beyi NHC zininzi izinto abancinga ukuzenza egameni lika Oscar kunye nenkosikazi yakhe, kuquka ukwakha iziko lezembali, ukwenza imiboniso ngembali yabo kubhalwe nencwadi. U-Mpetha wasutywa kukufa ngeyeNkanga ngo 1994 emva kwengulo ende.

U-Mancotywa wongeze ngelithi basebenzisana maziko emfundo ephakamileyo kweli leNtshona Koloni, iDyunivesiti yaseStellenbosch kunye ne Dyunivesiti yeNtshona Koloni, ukuzama ukufundisa ngendima eyadlalwa lolusapho lakwaMpetha emzabalazweni.

U-Mancotywa ukhankanye izinga lokonyuka kobundlobongela kwindawo yaseNyanga njengonobangela wentswelongqesho.

“Izintloni indawo apho utata uMpetha wayehlala khona, yaziwe njengeyona ingqwesileyo ekubulaleni abantu. Into ethetha ukuthi ininzi indima ekufuneka yenziwe ukuzama ukutshintsha nokuphuhlisa iimpilo zabantu kule ngingqi. Ithi lo nto kufuneka kuvulwe izithuba zemisebenzi ukwenzela ukuba abantu bale ngingqi baxhamle ukuzama utshintsha iimpilo zabo,” ucacise watsho.

Usihlalo woMkhonto We Sizwe kwingingqi iDullah Omar, nokwalilungu lesigqeba esiphezulu kuKhongolose, uFumanekile Booi umchaze uMpetha nje ngomntu owayechubekile engqondweni nowayeyimela inyaniso. “Utata Oscar ndandikhulela phantsi kwakhe apha eNyanga. Yayingomnye weenkokheli ezazisifundisa ezopolitiko,” utshilo, wongeza ngelithi wabanjwa kunye naye ngomnyaka u-1980, baze bavalelwa kwintolongo iPollsmoor iminyaka emithathu.

Uhambise wathi yena namanye amalungu amathandathu baphuma betshaya logama uOscar wanikwa ibheyile yeR100.

Umchaze uOscar nje ngomntu wabantu nowayengumfundisi ntsapho kwabaninzi.

Umzukulwana kaMpetha uMbabala uthe belusapho baziva bechulumancile kakhulu li nyathelo lokukhumbula utatomkhulu wabo. “Wayengumzekelo kubaninzi ngoba wayelwela inguqu kunye nesizwe esimanyeneyo,” utshilo uMbabala.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.