Ukhuthaza ucoceko uDan Plato

2019-05-16 06:01
Abasebenzi beSixeko saseKapa ngethuba lephula lika sodolophu uDan Plato lokucoca indawo abantu abahlala kuzo.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Abasebenzi beSixeko saseKapa ngethuba lephula lika sodolophu uDan Plato lokucoca indawo abantu abahlala kuzo.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Udele ubumbejembeje be ofisi yakhe wajamelana nemfucumfucu yezitalato zaseKhayelitsha kwiveki ephelileyo usodolophu wesiXeko saseKapa uDan Plato.

U-Plato, nobekhatshwa ligqiza labasebenzi be ofisi yakhe kunye neqela labacoci, utyelele indawo yaseSite B ngoLwesihlanu weveki edlulileyo njengenxalenye yephulo lakhe lokukhuthaza uluntu ukuba lucoce iindawo oluhlala kuzo.

Uluchaze utyelelo lwakhe eKhayelitsha njengolwesihlanu, kulandela amaphulo akumila kunje kwindawo yaseMitchell’s Plain nezinye kutsha nje.

Ukanti liqela labahlali balo mmandla abathe bathabatha inxaxheba kweli phulo, batsho besithi bebengayilindelanga into ekumila kunje.

Ethetha ngolwimini lwase mzini uPlato utyatyadule wathi: “Eli phulo lijolise ekufundiseni abahlali ngokuhlala becoca iindawo abahlala kuzo, kwaye bazise abaphetheyo namapolisa ngabo baye balahle inkunkuma kwiindawo abangamelanga kulahla kuzo.”

Wongeze ngelithi abasebenzi becandelo lezococeko kwiSixeko saseKapa benza konke okusemandleni ukugcina iindawo zokuhlala zicocekile ngokuthutha inkunkuma rhoqo ngeveki nangezinye iindlela. Ubongoze abahlali ukuba bathathe uxanduva.

“Ucoceko lweendawo esihlala kuzo luthetha ukuba abantwana bazakuba neendawo zokudlala bazonwabise, impilo zabo zingachaphazeleki,” utshilo uPlato.

Uchaze ukulahla inkunkuma esithubeni njengento engekho mthethweni. Ulumkise uluntu kunye nabaqhubi bezithuthi ezisetyenziswa ekwenzeni oku ngamanyathelo angqwabalala omthetho.

Uthe isithuthi esithe sabanjwa silahla inkunkuma ngokungekho mthethweni siyabanjwa ze sikhululwe nge R16 000. Ubongoze abahlali ukuba bamxele emapoliseni nabani abambhaqa esenza lo mkhuba.

Umhlali uNomalizo Vumani (54) uthe bebengayazi ukuba usodolophu uzakufika engingqini yabo.

“Kusothusile ukufika kukasodolophu nabantu abasebenzela iSixeko saseKapa,” utshilo uVumani.

Wongeze ngelithi ubaxelele ukuba uze kubo kuba ezococa ingingqi yabo ekwabafundisa ngokubaluleka kokucoca indawo abahlala kuyo. “Bekumdaka kakhulu apha kule ndawo sihlala kuyo nangona inkunkuma ithuthwa mihla le,” utshilo uVumani.

Uthe bavuya kakhulu ngokutyunjwa ngusodolophu, watsho ehlaba ikhwelo lokuba kuqashwe abantwana babo.

Uthe abantwana babo abasebenzi kuba awekho amathuba emisebenzi kodwa ukuba bangaqashwa sisixeko kungacutheka ukunqongophala kwemisebenzi kwaye nephulo lokucoca lungacaca.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.