Ulwa notywala urhulumente

2019-03-07 06:01
Inkulumbuso yePhondo uHellen Zille unikisa nge-bhegi kuNomakhaya Msiseni eTown Two.UmfanekisO: unathi obose

Inkulumbuso yePhondo uHellen Zille unikisa nge-bhegi kuNomakhaya Msiseni eTown Two.UmfanekisO: unathi obose

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abahlali base Town Two, eKhayelitsha bebedibene kwisikolweni samabanga aphakamileyo iThembelihle ngeCawe edlulileyo ukuza kuzimasa iphulo lokufundisa abantu ngobungozi botywala.

Abanye babantu ebebezimase lo msitho ibiyinkulumbuso yePhondo leNtshona Koloni uHelen Zille, usolodophu weSixeko saseKapa Dan Plato kunye nomphathiswa wezokhuseleko loluntu kwiNtshona Koloni uAlan Winde.

Emva kwalo msitho baye baphuma bangena esixekweni apho bebehamba benikisa ngee bhegi eluntwini.

Evula lomsitho uPatric Mngxunyeni nokwanguye noceba kuwadi 94 uchaze utywala njengesiselo esinobungozi nesikwangunobangela wengozi ezininzi ezithi zenzeke ekuhlaleni.

Uthe ulothulela umnqwazi eli phulo nanjengokuba lixhobisa uluntu jikelele.

“Siyakwamkela ungenelelo lwenkulumbuso yephondo kweli phulo. Ulwaphulo mthetho luphezulu kakhulu apha eKhayelitsha. Kangangokuba ne-cameras ezazifakiwe aziloncedo ngoba sikhuthuzwa ngoku zikhoyo ngoba azisebenzi,”uthsilo uMngxunyeni. Ukwakhuthaze uluntu ukuba lusebenzisane nabezokhuseleko ukulwa ubundlobongela ekuhlaleni.

Obethethela isikhululo samapolisa aseKhayelitsha nokwa yiCluster Commander uBrigadier Tania Hosking uziphikile izityholo zokuba ubundlobongela buphezulu eKhayelitsha ingakumbi eTown Two wongeza ngelithi bengamapolisa bayasebenzisana nabahlali.

“Eyona ngxaki engamandla esinayo ngabantu abathengisa utywala ngokungekho mthethweni kodwa nabo siyazama ukubanqanda kwaye siqwalasele namaxesha okuvala,” utshilo uHosking.

U- Plato uthe umnqweno wabo besiSixeko saseKapa kukwenza umahluko ekuhlaleni.

“Siliphondo leNtshona Koloni kunye nesixeko saseKapa asoze siphumelele sisodwa ngaphandle kwenxaso kunye nokubambisana noluntu lonke jikelele,” ucacise watsho uPlato. Woleke ngelithi ayiyoKhayelitsha yodwa esengxakini yezinga eliphezulu lokuselwa kotywala nezinye iingingqi ziyachaphazeleka.

“Iingxaki kunye nemilo emininzi iqala etywaleni,” ucacise watsho.

U-Zille ukhuthaze abantu ukuba basebenzise utywala ngendlela efanelekileyo bangaseli bagqithise. “Utywala buyichithile imizi emininzi kwaye buyagqugqisa nakwingingqi ezininzi. Abantu baphelelwa yimisebenzi ngenxa yosebenzisa utywala ngokugqithisileyo. Ukanti abanye bakwagaxeleka nasezingozini zendlela,” uthethe watsho Zille.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.