Umbandela woku ngacuthwa zavenge

2018-04-19 06:01

IOmbudsman ye-Inshorensi Yexesha Elide uJaji Ron McLaren uvakalise amazwi enkxalabo ngenqatho eyenziwa ngabanye abanikezeli be-inshorensi yokuba bangazinciphisi izavenge xa kuncitshiswa iinzuzo.

Ngoko, uthe, kubaluleke kakhulu ngabathengi be-inshorensi ukuzazi kakuhle iinkcukacha nemigqaliselo yeepolisi zabo ngoba into nokwenzeka ungacinga unepolisi yokugula kanti ibhaliswe ngokuba yeyengozi.

Waleke ngokuthi ezinye izibhengezo ze-inshorensi zilungiselelwe abantu abaneemeko ezithile umzekelo, abantu abantsholongwane ye-HIV okanye abanesifo seswekile.

“Xa abathengi befowuna ukuze bafake isicelo sepolisi, kukho inkcoko ende nomnikezeli we-inshorensi.

“Ngamaxesha amaninzi umntu othengelwa le onshorensi asinguye lo ufaka isicelo nohlawula izavenge kodwa ngomnye umntu njengelinye ilungu losapho.

“Ukuze ube nepolisi ngamanye amaxesha kudla ngokufuneka uvavanyo lwezempilo ukuqinisekisa ukuba loo mntu uyafaneleka ukufumana loo polisi.

“Into engafanele icace kumthengi nakumhlawuli kukuba, xa engafaneleki, loo polisi iya kumenza azuze nje okona kuncinane – umzekelo afumane ipolisi yengozi, kodwa angazifumani iinzuzo zokugula.”

UJaji McLaren uthe, into edala lo mbodamo kukuba izavenge azifane zehle kuba nje unepolisi enokukunceda xa kuvela ingozi.

“Kwiofisi yethu sithi lo mkhwa wokuhlawulwa kwezavenge ezingancitshiswayo yinqatho. Sikhe sathethana nabanikezeli bee-inshorensi ngezi polisi kunye neSigqeba Seenkonzo Zezimali, ibe ngoku abanikezeli be-ishorensi baza kuxoza mpini wumbi (kuqaka naba sele bezinciphisa izavenge).

UJaji McLaren uthe: “Abathengi beepolisi bangaphambili kungenzeka ukuba zincitshisiwe izavenge kodwa abazi ukuba ngoku bangafaka isicelo senzuzo kuphela xa kunokuvela ingozi.”

Iofisi Ye-Ombudsman Yexesha Elide yamiselwe ngowe-1985. Umsebenzi wale ofisi kukuze ingenelele phakathi kokungavani kwamalungu nabanikezeli be-inshorensi yexesha elide nabanikazi beepolisi malunga neekontraki ze-inshorensi.

Yiofisi ezimeleyo, nemele iphendule kwiBhunga Ye-Ombudsman Ye-inshorensi yexesha elide. Fowunela: 0860 103 236

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.