Umbhali onegugu ngolwimi lwesintu

2018-09-27 06:01
Umbhali wencwadi zesiXhosa Bongekile Nqiyama

Umbhali wencwadi zesiXhosa Bongekile Nqiyama

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Umbhali uBongekile Nqiyana, ukuchaze njengomnqantsa ukupapashwa kwencwadi zakhe.

UNqiyana,28, waseKhayelitsha, nonkaba yakhe ikumhlaba waseNgcobo eMpuma Koloni, ude waphumelela kwi phulo lakhe lokuba ngumbhali ophume izandla, emveni kokuba ilinge lakhe lesi thathu liye laphumelela ekuthini lishicicelelwe futhi li papashwe.

Izinto Zimane Ukwenzeka, yilo ncwadi yesithathu.

Kwincwadi zakhe ezimbini zokuqala, ama linge akhe aye awa phantsi.

“Ngenxa yemiceli-mngeni eyahlukeneyo, ejamelene nababhali, iincwadi zam ezimbini phambi kwale azange zipapashwe,” utshilo.

“Kuye kwanyanzeleka ukuba ndikhuphe epokothweni ukuze ide ibe iyashicilelwa le ncwadi, nequlathe amabali amafutshane nemibongo.”

Uthi ukhule ethanda ukubhala.

“Sisiphiwo kum ukubhala, kwaye ndibhala ngezinto ezenzeka mandulo,” utshilo uNqiyama. Wongeze ngelithi ubhala ngesiXhosa ukukhuthaza uluntu ukuba lufunde ngolwimi lwalo. Uthe okona kubangela ukuba abhale zizinto ezenzeka ekuhlaleni, eKhayelitsha, nase Ngcobo.

uNqiyama uthi uqale kunyaka ophelileyo ukudibanisa usiba nephepha, ezama ukubhala le ncwadi.

Umceli-mngeni ibe kukufumana iivenkile zencwadi ezino kumthengisela. Kodwa oko akhange kumtheze mandla. Ubongoze uluntu ukuba luhloniphe inkcubeko nemvelaphi yalo. “Abantu bakuthi mabangalahli inkcubeko yakuthi, nanko umyalezo endinawo, ingakumbi sikule nyanga sikuyo,” utshilo uNqiyama.

Uthe abantu bayamnkele ngezandla ezishushu incwadi yakhe. Ukwathe abantu baye bamtsalele umnxeba xa befuna ukuyifumana, ze yena abathumelele ngeposi.

Wongeze ngelithi kule nyanga izayo uceba ukubhala incwadi yemidlalo yeqonga nathi ingamthatha inyanga ezilithoba ukuyigqiba.

“Andikayazi incwadi yam elandelayo iza kuba ngantoni, kodwa izaku qulatha idrama egama lingu Nantso Intsinda Badala.

Ifumaneka nge R80, tsalela: 0732908081, WhatsApp: 062 507 5024.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.