Umbutho ukhupha abantwana ezindleleni

2019-08-22 06:01
Ababantwana ngabanye abazakuba yinxalenye yombutho iUbizo Edutainment.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Ababantwana ngabanye abazakuba yinxalenye yombutho iUbizo Edutainment.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Kumiselwe ngokusesikweni umbutho ongenzinzuzo i-Ubizo Edutainment, eMfuleni, nozakujonga uncedane nabantwana besikolo rhoqo ngempelaveki.

Umsitho wokumiselwa kwalo mbutho ububanjelwe kwindawo yase Garden City ngoMgqibelo.

Liqela labafundi beendawo ezifana neKhayelitsha kunye neGugulethu abathe bazimasa lo msitho.

U-Phumza Shayi, nongomnye wabantu abaqale lo mbutho, uthe injongo yabo kukuxhobisa abantwana ngenkcubeko nezemfundo.

Uthe lo mbutho wohlulwe wanamacandelo amabini. “Sizakubafundisa ukudanisa, ukusebenzisa izixhobo zokwenza umculo kwakunye nezifundo ezifana nekhompyutha,” utshilo.

Wongeze ngelithi bakwaceba ukufundisa abantwana ngezibalo, ubuchwepheshe kwakunye nezenzululwazi.

Ukanti lo mbutho uphinda ube necandelo lezempilo, nalapho abantwana baye bafumane ithuba lokuthetha no nontlalontle malunga neengxaki abathi badibane nazo ebomini.

“Siye sibenalo nethuba lokuzilolonga nomntu okufundeleyo oku kuba sifuna rhoqo phambi kokuba siqale sizilolonge ukwenzela sizokuba yimiqabaqaba,” utshilo u Shayi.

Uthe bathatha abantwana abaqala kwiminyaka emithandathu ukuya kwiminyaka eli 18, kwaye bathi bahlangane rhoqo ngemigqibelo ukususela ngentsimbi yeshumi kusasa ukuya kuma ngentsimbi yesithathu emva kwemini.

Wongeze ngelithi bayalifuna uncedo ukwenzela umsebenzi wabo ube lula kuba basebenzisa ikhompyutha zabo okwangoku.

Umzali uBusisiwe Nkalweni uthe uye wabona into entle le yalo mbutho kungoko ethe wazisa abantwana bakhe ababini ukuze babeyinxalenye yawo.

“Imigqibelo yabo ayizofana nakuqala ngoku kuba bazakuyazi ukuba umsebenzi wesikolo uyenziwa nangoMgqibelo,” utshilo.

Uthe ngokuba yinxalenye yalo mbutho abantwana bakhe bazakuhlala endlini, endaweni yokuzula esithubeni.

Omnye umzali uLinathi Njokweni uthe le nto yenziwa ngulo mbutho izakubavula ingqondo abantwana. “Ndiyibona iyinto entle kakhulu kuba owam umntwana ngoMgqibelo into ayaziyo kukuhlala phambi komabonakude imini yonke. Ngoku lonto izakuphela,” utshilo uNjokweni. Uthe uyayikhuthaza kakhulu lento yenziwa ngulo mbutho.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.