Umbutho wesisa ubinze ekuhlaleni

2020-05-14 06:02
Umphathi we Pauline Podbrey uNceba Matiwane uthetha nenxalenye yabantu abathe baxhamla kwizipho ebezinikezelwa kubahlali abangama 40 eMakhaza, ngoLwesine umhla we 7 kuCanzibe.UMFANEKISO: mzwanele mkalipi

Umphathi we Pauline Podbrey uNceba Matiwane uthetha nenxalenye yabantu abathe baxhamla kwizipho ebezinikezelwa kubahlali abangama 40 eMakhaza, ngoLwesine umhla we 7 kuCanzibe.UMFANEKISO: mzwanele mkalipi

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ifezekisekile intetho ethi “umntu ngumntu ngabantu” ngethuba iqela labantu abangama 40 abaphuma kumakhaya angathathi-ntweni, kwindawo yaseMakhaza, lifumana ingxowana zokutya.

Ezi zipho zinikezelwe ngumbutho wesisa iPauline Podbrey, ngoLwesine weveki edlulileyo, umhla wesixhenxe kuCanzibe.

Umphathi walo mbutho uNceba Matiwane uthe babone kulungile ukuba benze okuncinci ukuxhasa abo basweleyo. Uhambise wathi ukuba bekusiya ngokwabo ngebesenza lukhulu, ntonje iimeko ayivumi. “Namhlanje apha sinceda abantu abangathathi-ntweni ngeli xesha le-lockdown. Sibone ukuba masibancedise ngento esiwa ethunjini. Apha kulo mzi senza ezemidlalo, ezemfundo nokuxhasa abantu ngokutya. Nanjengoko sisazi ezemidlalo zimile, sithe masibe siqhuba nephulo elinje,” utshilo okaMatiwane.

“Amaphulo anje abaluleke kakhulu ngoba abanye babo aba bantu yeyonanto abazakulala beyityile le. Ekuhlaleni kwethu asisonke abanento. Ngoku lento iyasinceda ukuze siqhele ukuncedisana sikukuhlala sisonke,” utshilo uMatiwane.

Ulebele ngelithi babona kwamhla mnene ukuba ezemidlalo yenye yeendlela zokunceda ukususa abantwana ezitalatweni.

“Kungoku nje sinamaqela asibhozo apha ekhaya ukuqala kwabo baneminyaka engaphantsi kwisixhenxe. Sikwanawo nomdlalo womnyazi. Ekuhambeni siye sabona ezemidlalo azikwazi ukuhamba zodwa sagqiba ukuba sifakele nezemfundo ukuze abantwana bangadlali nje babe betshona esikolweni,” utshilo uMatiwane.

Xa kunamhlanje oka Matiwane uthi basebenzisana nethala leencwadi laseKuyasa ukwenza amabali, nokufunda iincwadi bekwabapha abantwana ukutya kathathu ngeveki.

Othe waxhamla, uNtshica Nose (80), ubulele kakhulu ngenkxaso athe wayifumana ngale mini.

“Ndibulela kakhulu ngoku ngazenzisiyo. Sithi nangomso. Abantwana sithi mabaqine babheke phambili bangapheli mandla. Le nkxaso inkulu kakhulu kwaye iyakuwenza umehluko ezindlini zethu,” itshilo lengwevu yakwaNose.

Umsunguli walo mbutho uMsondezi Matiwane ucele uThixo abaphe amandla ukuze bakwazi ukuqhubekeka nomsebenzi wokunceda uluntu ekuhlaleni, basuse nabo bayabula ezitalatweni bekwatshaya neziyobisi.

“Ndicela uThixo asiphe amandla ongezelekileyo asilulele iminyaka siqhubeke sikwazi ukunceda uluntu lwethu lokuhlala ngalo msebenzi siwenzayo apha. Kwasekusungulweni kwayo leFoundation iinjongo yayikuzisa utshintsho ekuhlaleni ikwancedisana nolutsha lakowethu,” utyatyadule watsho uMatiwane.

AbakwaMatiwane babulele kakhulu kubaxhasi babo ngenkxaso.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.