UMfaz’omnyama uzizele

2018-11-22 06:02
Icwecwe elitsha lika Gqilazúmthakathi PHOTOS: UNATHI OBOSE

Icwecwe elitsha lika Gqilazúmthakathi PHOTOS: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

U Gqilaz’umthakathi ongunyana wemvumi yomculo ka Maskhandi engasekhoyo uMfaz’omnyama, uzenzela udumo ngokulandela ezinyaweni zikayise kwezomculo.

Le mvumi, negama lokwenene ingu Phila Mbajwa, 23, ithe yonwabisa uluntu kwi renki yetekisi eSite C, ngoMgqibelo odlulileyo, kwiphulo lokwazisa nokuthengisa icwecwe layo elitsha elithi Zalanani Nande, nalikhuphe kweyoMnga kunyaka ophelileyo.

U-Gqilaz’umthakathi obenxibe nje ngoyise xa ekhwela eqongeni, uthi ukucula yinto azalwe nayo, ekwafuze uyise.

“Ukucula yinto ebendiyenza ndisemncinci, kodwa ndiqale ukuzimisela ngonyaka ka 2015 emva kokuba ndiye ndazibandakanya neqela elibizwa AmaKilometer lakwa Kwa Zulu Natal, nje ngomdlali wesiginci nobhala iingoma,” uhlomle watsho.

Uthi uye kunyaka olandela lowo wakhupha elakhe icwecwe ehamba yedwa elithi Dubula Mawudubula elathi lamenzela indumasi kwiphondo laKwaZulu Natal.

“Elocwecwe landothusa kakhulu lathengisa into engaphezulu kwama 20 000 wamacwecwe. Kwaye abantu abaninzi babengekandazi,” utshilo uGqilaz’umthakathi.

Wongeze ngelithi elicwecwe lakhe litsha elinengoma ezilishumi elinanye, uthe iingoma aziculayo zigxile kuye nakwizinto ezenzeka ekuhlaleni.

Ubalule uMgqumeni njengeyona mvumi kamaskhanda awayeyithanda kwaye ejonge kuyo.

“Ewe utata (Mfaz’omnyama) bendi mamela kodwa eyona mvumi ebendiyithanda nebisithi xa icula ndizive ndikhululekile emphefumlweni nguMgqumeni,” utshilo, wongeza ngelithi, abantu abaninzi bamfanisa notata wakhe ngelizwi.

“Eneneni utata ebenokundodlula ngokucula nangokubetha isiginci. Inye nje into ebendinokumodlula ngayo; kukusina.

Hay ebengenolunga kwelo icala,” uzincome ngelitshoyo.

Xana simbuza ukuba kutheni na ifani yakhe inguMbanjwa, ukanti eka Mfaz’omnyama yayingu Khumalo, kodwa uthi nguyise, waphendula ngelithi: ungumntana wakhe ‘wasecaleni’.

“Isiko lethu thina maZulu asikwazi ukubiza isiduko sikatata wakho xa engazange ayibhatale imali yentlawulo.

Ndingunyana wakhe kodwa ngaphandle komtshato. Nabantwana bakhe abasemtshatweni bayandazi kodwa akukho nto isidibanisayo ngoba mna zange ndihlawulwe kwaKhumalo.

Yiyo lonto ndingakwazi ukuzibiza uKhumalo,” ucacise watsho.

Ugxeke abantu abathengisa umsebenzi wabo bezimvumi ezindleleni ngamaxabiso aphantsi, ngelithi bathatha isonka sabo.

“Hayi, urhulumente makangenelele kubanjwe abantu abathengisa umculo wethu ngokungekho mthethweni.

Uninzi lwethu zimvumi ngokucula, sibeka isoka etafileni ukuze kulalwe kutyiwe emakhaya,” ukhalaze watsho.

Uthe eyonanto ayinqwenelayo kukufumana umphathi ozokuthi akwazi ukumncenda ukwenzele ukuba umculo wakhe uthengiswe kuyo yonke indawo nasezivenkileni.

“Okwangoku amacwecwe am afumaneka kum. Icwecwe ngalinye ndilibiza i R70.

Kwaye ndiyanqwenela ukufumana umntu ozokujongana nozokwazi ukwenza umculo wam udlalwe nakomathotholo,” utshilo wagqibezela ngelithi umntu olifunayo icwecwe lakhe angamtsalela umxeba: 0767864270

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.