Umlilo ubangele uqulukubhode

2020-02-27 06:05
Abanye babahlali ebebetshelwe kumatyotyombe aseJoe Slovo kwaLanga baxakekile bakha amatyotyombe abo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Abanye babahlali ebebetshelwe kumatyotyombe aseJoe Slovo kwaLanga baxakekile bakha amatyotyombe abo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ubangela isankxwe umlilo otshabalalise ngaphezulu kwama 30 amakhaya kwindawo yamatyotyombe iJoe Slovo, kwaLanga.

Ngokwengxelo bangaphezu kwe 100 abantu abathe bashiyeka bengoodingindawo ngenxa yesi sihelegu, nesehle ngoLwesithathu weveki endlulileyo, umhla we 19 kweyoMdumba.

Kungoku nje amaxhoba amemelela kwi siXeko saseKapa ukuba singenelele.

Omnye wamaxhoba uSandisiwe Gama uthe lo mlilo uqale mayela nentsimbi yesine emva kwemini. “Bendigqib’ okothula iingubo ecingweni ndizisonga. Ndive omnye utata nokwangumelwane wam xa ebuza ukuba yintoni le inukayo. Uye waphakama wayokukroba kwiihoki ezingemva, wabuya ebaleka sele ekhwaza esithi kuyatsha,” utshilo uGama.

Uthe kwangoko uye wathabatha iingubo zakhe wazilahla phandle, wabuya wakhupha iibhegi zakhe zempahla. “Khange ndikwazi ukuphinda ndingene ehokini ngoba umlilo ubusowuqalile ukutshisa ihoki yam ngoba ibingekudanga apho umlilo uqale khona. Uye wanwenwela kwezinye iihoki ngokukhawuleza,” ucacise watsho.

Wangeze ngelithi zonke ezinye iimpahla zakhe, kuquka iikhabhathi kunye nebhedi zitshele ngaphakathi.

U-Gama uchaze ukuxinana kwamatyotyombe kule ndawo njengenye yezinto ezibangele ukuba la matyotyombe atshe ngesaquphe.

Ngethuba iCity Vision igaleleka kule ngingqi, ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, abanye babahlali bebemaxhaphetshu besakha iihoki zabo.

Bakwakhale ngelithi abaxolanga kukungabonakali kuka ceba wendawo xana kukho iziganeko ezikumila kunje.

Bagxeke uceba ka wadi 52 uSamnkelo John ngokungazisi so izikhalazo zabo.

“Uceba akakazi apha oko sitshelwe asimazi noba uphi na, kwaye kungekho kwa nto esiyaziyo emalunga nokwakhelwa kwethu izindlu. Sifuna ukuhamba apha kudala sitshelwa. Kokwesithathu ngoku sitshelwa ususela ngonyaka ka 2017, isiXeko saseKapa masenze icebo sisinike izindlu,” ubongoze ngelitshoyo uGama.

Uceba uJohn uzikhabe ngawo omane izityholo ezithi akazange alibeke eJoe Slovo oko kwatsha.

“Ndaya phaya kwangalamini kwakutshe ngayo, qha andizange ndihlale kuba ndandileqa entlanganisweni ndashiya ezinye iinkokheli zokuhlala zinceda abantu. Ndiye ndaqhakamshelana nabaphathi besiXeko ukuzama ukubazisa ngentlekele ukuze bakwazi ukuzisa uncedo,” ucacise watsho uJohn.

Ecacisa ngomncimbi wolwakhiwo lwezindlu kula ngingqi uthe ingxaki kukho abantu abangafuniyo ukusuka baye kwindawo zethutyana ukuze kuqhubeke kwakhiwe. “Abantu abazokwakhelwa kuqala ngabantu abadala, ulutsha luzakulandela,” utshilo uceba.

Othethela isiXeko saseKapa kwicandelo lezentlekelo uCharlotte Powell uthe amaxhoba azifumene izixhobo zokwakha ukwenzela bavuse amatyotymbe awo.

Waleke ngelithi sele benxulumene ne agente yeli loMzantsi Afrika ejongene nophuhliso loluntu, iSouth African Social Security Agency (SASSA) ngolwasemzini ukuba ingenelele.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.