Umlilo utshise amatyotyombe

2018-10-11 06:02
Abahlali basematyotyombeni koAT Section eSite C baqalisa ukwakha emva kokutshelwa ngokuhlwa Lwesihlanu             PHOTO: UNATHI OBOSE

Abahlali basematyotyombeni koAT Section eSite C baqalisa ukwakha emva kokutshelwa ngokuhlwa Lwesihlanu PHOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abantu abangamashumi amahlanu anesibini koo AT Section eSite C, bashiyeke bengo dingindawo, emva komlilo otshabalalise amatyotyombe alishumi elinesihlanu, ngokuhlwa kwangoLwesihlanu kwiveki ephelileyo.

Unobangela womlilo awukaziwa. Ngokwengxelo yabahlali, lo mlilo utshabalalise lengingqi uqale ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku.

Omnye wabahlali abatshelweyo noziboneleyo, uZukiswa Vena uthi wothuswe bubushushu obebusetyotyombeni lakhe obumenze kwanzima nokuphefumla.

“Ndithe xa ndiphuma phandle ndijikela emva kwehoki leyam, ndabona idangatya elinomsi omkhulu kwenye yehoki ibisemva kweyam.

Ndiye ndabaleka ndikhwaza ndivusa abahlali ndisithi kuyatsha. Ndabuyela endlini ndazothatha abantwana bam ndaphuma nabo,” utshilo uVena, wongeza ngelithi ayi kokokuqala umnikazi walahoki aphantse ukubatshisa.

“Kwayena lowo umnikazi hoki uncedwe ngabahlali bamkhupha ebelele,” utshilo lo mama wabantwana ababini, woleka ngelithi uphulukene nayo yonke into ebenayo, kuquka isazisi kunye neziqinisekiso zokuzalwa zabantwana bakhe.

U-Vena ugxeke ukunqongophala kwamanzi njengonobangela wokunwenwa komlilo ukuze kutshe amatyotyombe aliqela kulengingqi.

Uthe esi sehlo sokutshelwa sesesithathu ukusukela kweye Thupha kunyaka ophelileyo.

“Umcimbi wezindlu awukacaci kwaye asinawo nombane apha, nempompo zethu zamanzi zimbalwa ,” utshilo uVena.

Uceba wengingqi ka Wadi 18 uNtomboxolo Kopman uthe isiXeko saseKapa sithumele izinto zokwakha ukwenzela ukuba bavuse amatyotyombe wabo. uKoopman uyicacisile eyokuba abahlali bakoo AT Section abakwazi ukuwufakelwa umbane njengokuba amatyotyombe wabo akhiwe kwindawo ebekelwe ulwakhiwo lwendlela.

“Ngokwenani esinalo eliqinisekisiweyo lamatyotyombe alikhulu elimashumi amahlanu anesithandathu, abanye babo balindelwe kukuthuthelwa eMfuleni kwindawo yexeshana, balinde khona izindlu zabo zesigxina,” utshilo uKoopman, woleka ngelithi lomsebenzi wokuthuthwa kwabantu bekufanele ukuba uqale kule nyanga.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.