Unikwe uphum’ aphele

2019-08-08 06:00
Unobhala wombutho wabahlali iSanco uLumkile Msila ujonge umonakalo kwityotyombe lendoda etyholwa ngokuvalela umntwana ngethuba yona ikwindawo yolonwabo. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Unobhala wombutho wabahlali iSanco uLumkile Msila ujonge umonakalo kwityotyombe lendoda etyholwa ngokuvalela umntwana ngethuba yona ikwindawo yolonwabo. umfanekiso: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Inikwe uphuma aphele ngabahlali indoda yaseKTC etyholwa ngokuba ngunobangela wokulimala komntwana wayo.

Kutyholwa ngelithi, le nkwenkwana (eminyaka ili 11), ifumene ukonzakala ngeCawa ngethuba ityotyombe lika yise ligutyungelwa sisihandiba somlilo.

Ingxelo zithi akucaci ukuba ebephi utata wale dyongwana ngethuba kusehla esi siganeko, kodwa kukho urhano lokuba ebekwindawo zentselo.

Kungokunje abahlali abalugcwabevu ngumsindo babetha ngenqindi phantsi ngelithi abafuni kuphinda bayibone le ndoda kulo mmandla.

Abahlali abalugcwabevu ngumsindo batyhole utata waledyongwana ngokuhlala kwindawo yentselo kude kubesezinzulwini zobusuku ngelixa eshiye evalele unyana wakhe ngaphakathi.

Unobangela womlilo awukaziwa ukuba yintoni.

Ongumelwane uNolwandle Sodinga uthe umlilo uqale ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, xa kanye ebelungiselela ukulala.

“Ndive umntu ekhwaza phandle esithi kuyatsha. Eneneni ndithe xandikroba kwabe sele kumnyama ngumsi namadangatye sele eqala ukuphumela ngaphandle apha kwintunja zehoki,” ucacise watsho uSodinga.

Uthe baye beva ngesikhalo somntwana ngaphakathi kwabe kunzima ukuvula umnyango ngoba ubunkqanyangelwe ngomqokozo.

“Siye saqhaqha ihoki ngemva ukuzama ukuvula. Siye samkhupha kodwa wabe sele etshile apha engalweni yasekunene nasenyaweni lasekhohlo kwaye erhawuke nasebusweni,” utshilo uSodinga.

Woleka ngelithi abahlali baye bambalekisela kwiziko lezempilo lase-KTC nalapho athe wafumana khona unyango phambi kokubuyela ekhaya.

V Liyaqhuba kwikhasi lesibini

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.