Untingela ngentla umthanjiswa

2019-04-04 06:01
Umfundisi uXolani Baartman.

Umfundisi uXolani Baartman.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Emva kothotho lweminyaka ephekwa ngelizwi ziinkokheli zebandla lamaBhapthisti amanyeneyo kuzwelonke, iUnited National Baptist Church ngolwimi lwase mzini, umthanjiswa uXolani Baartman umisele ngokusesikweni elakhe ibandla iEbenezer Congregation eGugulethu ngomgqibelo odlulileyo.

Lo msitho ububanjelwe kwizakhiwo zeli bandla kwisikolo samabanga aphakamileyo iGugulethu Comprehensive. Ziinkokheli zakwalizwi eziphuma kumabandla ohlukeneyo ezithe zazimasa lo msitho.

Ephawula ngalo mnyhadala uBaartman uthe eli bandla waliqala ngomnyaka ka 2017 emveni kokuba waye wayalelwa ngubishop wakhe ebandleni.

“Kweyethu icawa uye uthi wakuba ngumfundisi uyalelwe ukuba mawuziqalele elakho ibandla uzimele,” utshilo uBaartman.

Uthe ukhulele kule cawa nalapho athe wafunda khona ukushumayela, kwaye ebede acelwe nasekuhlaleni ukuba ancedise ukungcwaba kwamanye amakhaya.

U-Baartman uwuchaze umsebenzi wakhe wokushumayela njengento echukumisa iintliziyo. Uhambise wathi baninzi abantu abamcele ukuba aqale elakhe ibandla emva kokuchukunyiswa yintshumayelo yakhe.

“Ndiqale ngemvuselelo endandizibamba rhoqo ngolwezithathu,” utshilo. Woleke ngelithi ezi mvuselelo ubeziqhubela egaraji emzini wakhe.

Uthe enye into ebangele ukuba aqale eli bandla kukubona ukuba abantu abaninzi ekuhlaleni abakhonzi.

U-Baartman uthe eli nyathelo liye laba likhubalo njengoko uninzi lwabantu luye lwazibandakanya nebandla lakhe. Ngenxa yokukhula kwamanani kunyanzeleke ukuba baxoze mphini wumbi, baze bafumana indawo yokukhonzela kwisikolo samabanga aphakamileyo iGugulethu Comprehensive.

Kungokunje zonke izinto zeli bandla zenzelwa kwesi sikolo, kwaye amanani athe gqolo ukonyuka, utshilo uBaartman.

nalapho basakhonzela khona nanamhlanje.

uBaartman uthe ibandla lakhe linamalungu angamashumi amathandathu nangaphezulu.

Uthe isizathu sokuba elibandla libe luyamiselwa ngokusesikweni kungenxa yokuba belinganagama ngaphambili. “Ibandla besilimisa ngokusesikweni kuba side sabe sinalo igama lalo,” utshilo uBaartman.

U-Baartman uwuchaze lo msitho nje ngobe yimpumelelo, watsho esothulela umnqwazi ongasekhoyo umfundisi Vuyani Mtini ngeemfundiso kunye nenkxaso yakhe.

Uthe eyona njongo yabo kukuba bafumane isiza ukuze bazakhele isakhiwo sabo.

Uqukumbele ngokubongoza abemi beli lo Mzantsi Afrika ukuba babuyele ekukhonzeni uThixo kuba zininzi iziinto ezenzekayo ezingalunganga emhlabeni.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.