Uphuhliso luzisa imisebenzi

2019-01-31 06:21
Isakhiwo sevenkile yakwaBoxer kwaLanga sigqityezelwa ukwakhiwa. PHOTO: UNATHI OBOSE

Isakhiwo sevenkile yakwaBoxer kwaLanga sigqityezelwa ukwakhiwa. PHOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abayivali imilomo abahlali bakwaLanga ngenxa yophuhliso oluqhubayo lwevenkile eyaziwayo nekulindeleke ukuba lwenze izinto lula kumakhulukhulu abahlali bale ngingqi.

Ulwakhiwo lwale venkile lwaqala kwinyanga yoKwindla(March) kunyaka ophelileyo, kwaye kulindeleke ukuba luqosheliswe kule nyanga izayo, eyoMdumba(February) neqala ngomso, umhla wokuqala.

Umhlali wase Zone 25 uSizwe Vellem uyincomile indlela olukhawuleza ngayo uphuhliso. Uluchaze njengento ezakuthi ivule amathuba engqesho eluntwini.

Uthe ukwakhiwa kwale venkile kuza kunika abahlali ithuba lokukhetha apho bafuna ukuthenga khona.

“Singabathengi sivumelekile ukuba sizikhethele ukuba siyothenga apho sifuna khona,” utshilo. Okwangoku uthe bayanyanzeleka ukuba basebenzise ishishini elinye kule ngingqi.”

U-Vellem wongeza ngelithi ukuvulwa kwale venkile kuza kuphinda kubacuthele umgama abawuhambayo ukuya kuthenga imfuneko.

Ugqibezele ngelithi akwaba nolwakhiwo lwezindlu belinokukhawuleza ngohlobo oluqhutywa ngalo uphuhliso lwalevenkile.

Leticia Vapi, ongu sihlalo wequmrhu lezophuhliso kwa Langa, uyichaze levenkile nje ngenye yevenkile ezinkulu nezihlonitshwayo kweli lizwe. Uthe bakholelwa ukuba ukwakhiwa kwayo kuza kuvulela amathuba emisebenzi ingakumbi kulutsha.

U-Vaphi uthe injongo yabo kukusondeza iinkonzo eluntwini, ingakumbi kubantu abadala ebebesohluleka ukuhamba imigama emide ukuya kuthenga.

U-Vapi uthe besi sigqeba seenkokheli zokuhlala ezijongene nophuhliso kwaLanga, bavumelene nabaphathi bale venkile ukuba wonke umntu ozokusebenza abe ngumhlali wakwaLanga.

“Sivumelene ukuba yena uzakuza nabaphathi bevenkile. Wonke omnye umntu oyakuthi aqeshwe izakuba ngowakwaLanga. Ukanti ikwanguBoxer ozoqesha ngokwakhe ayizukuba ziikomiti zokuhlala. Umntu ofuna umsebenzi izakube ikhona ibhokisi ye CV, zifakwe khona.”

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.