Uselubhacweni uceba kwaLanga

2019-09-05 06:00
Abahlali bakwa Langa batshise indlu kaceba wabo uSamnkelo John.UMFANEKISO: Siphesihle Notwabaza

Abahlali bakwa Langa batshise indlu kaceba wabo uSamnkelo John.UMFANEKISO: Siphesihle Notwabaza

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ufakwe phantsi kokhuseleko oluluqilima uceba wakwaLanga uSamnkelo John emva kokuba abahlali betshise indlu yakhe ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Oku kuza emva kwezimemelelo eziliqela zokuba alahle njengo ceba.

Othethela amapolisa akwa Langa uKapteni Nondumiso Paul uthe abaqhankqalazi ebebeqhankqalaza ngentseni yangoLwesihlanu bagibisele isiqhushumbisi kwindlu kaceba.

Uthe ityala lokutshisa nokuzama ukubulala nokuphazamisa ucwangco liye lavulwa ngamapolisa kodwa akukabanjwa mntu.

Ethetha ne City Vision ngomnxeba, uJohn ukungqinile ukuba uselugcinweni. Woleke ngelithi akaziva ekhuselekile kwaLanga emva kwesi siganeko.

Kudliwano-ndlebe ne City Vision abahlali bathe kudala befuna intlanganiso noJohn, kodwa yonke imizamo yabo uyibethisa ngoyaba.

Bathe bakhe bayoqhankqalaza nakwii ofisi zeSixeko saseKapa, nalapho bebeyokufaka ixwebhu lezikhalazo.

Ezi zikhalazo ziquka ukunganxibelelani kuka ceba nenkokheli zokuhlala, izitalato ezinga hoywanga, ukungahambi intlanganiso zokuhlala, ukungafumaneki kwakhe kwi ofisi yakhe nokungahoyani namanzi kwakunye nezitishi zelindle.

Bathi banike iSixeko iintsuku ezisi xhenxe ukuba siphendule nalapho ukuba ithe ayakwazi oko bazakubona enye indlela yokuba zibe ziyavakala izikhalazo zabo.

Usihlalo weqela labahlali uZweledinga Sweli uthe kudala bezama imintlanganiso noceba kodwa akazange aphumelela nakwenye.

“Uye athembise xa sithe sabiza intlanganiso naye kodwa angatsho ukuvela angasiniki nesizathu soko,” utshilo.

Uthe bezinkokheli ayingabo abathe ebahlalini makutshiswe indlu kaJohn benziwe ngumsindo.

Uthe banengxaki yokungafumani inkonzo kwaLanga yiyo lonto befuna ukudibana noJohn kodwa uyohluleka ukwenza oko ngoku bafuna abeke phantsi intambo.

Utyhole ngelithi njengokuba engasebenzisani nabahlali usebenza nabalingane bakhe ixesha elininzi, kwaye uzijongela phantsi iinkokheli.

U-Sweli uthe emva kokuba bedibene neSixeko saseKapa siye sathi asikwazi ukumhlisa esihlalweni kuba wabekwa ngumbutho wakhe nonguwo onokwazi ukuthabatha lamanyathelo.

“Sithumele iqumrhu ukuba liyokudibana nalo mbutho wakhe ukwenzela baze bazo kumamela izikhalazo zethu ngoceba,” utshilo.

U – John uthe uyanxibelelana nabahlali ngeenkonzo kwaye izitalato zicocwa kude kube kabini ngeveki.

Uthe indaba yokumoshakala kwemibhobho yelindle yona iyingxaki kuba kudala beyazi nto.

Uhambise wathi kukho amatyotyombe okhiweyo phezu kwayo ntoleyo yenza ukuba umsebenzi wokuyilungisa ungabikho lula.

Noxa kunjalo uthe iSixeko saseKapa sisajonga indawo abanokuthi babekwe kuyo aba bahlali ngethuba kulungiswa le mibhobho.

Uthe enye into engucelimngeni yinto yokuba emaholweni kugcwele kakhulu nto leyo idala ukuba imigqomo iphuphumale yinkunkuma kuba kuhlala iintsapho ezinamalungu aliqela.

U-John utyhole ngelithi iqela eliququzelela ukuba alahle ngabantu ababekukhuphiswano naye kwisikhundla sokuba ngumgqatswa kumbutho we ANC.

“Oko ndaphumelela unyulo lokuba ndibenguceba kudala bezama ukuba ndisuke esihlalweni kuba bona bengazange baphumelele,” utshilo.

Waleke ngelithi kwa izikhalazo ezi lekomiti inazo azinasihlahla.

Othethela uKhongolose uVuyiso Tyhalisisu uthe bazithathela ingqalelo izityholo ezibekwe uJohn zokuba akawenzi umsebenzi wakhe.

Uthe baye babiza umhlangano kunye nezinkokheli zinezikhalazo kodwa akukho nanye ethe yafika zisuke zafuna kutshintshwe indawo abazokudibanela kuyo.

Waleke ngelithi ukutshiselwa kukaceba yinto enobukrelemnqa obufuna ukudala ingxwabangxwaba kulengingqi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.