Ushiye usizi lodwa umlilo

2019-05-09 06:00
Umama kaSinalo-Ithemba uNonceba Gxiva (uthwele iqhiya emnyama) kunye nomzala kamfi uLizoma Gangatela (onxibe ijezi enemingca) bahleli emondlalweni ngelixa olilungu lekomiti kasodolophu kwicandelo lezokuhlalisa uluntu uMalusi Booi kunye nomphathiswa wezezindlu eNtshona Koloni uBonginkosi Madikizela bethokombisile ezitulweni.

Umama kaSinalo-Ithemba uNonceba Gxiva (uthwele iqhiya emnyama) kunye nomzala kamfi uLizoma Gangatela (onxibe ijezi enemingca) bahleli emondlalweni ngelixa olilungu lekomiti kasodolophu kwicandelo lezokuhlalisa uluntu uMalusi Booi kunye nomphathiswa wezezindlu eNtshona Koloni uBonginkosi Madikizela bethokombisile ezitulweni.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Zizikhotha amanxeba iintsapho zaseKosovo, ePhilippi, emva kokuba isihandiba somlilo sitshabalalise amakhayo azo. Kubikwa ukuba babini abantu abathe bakhaba ibhekile ngethuba lo mlilo utshabalalisa kule ndawo ngeCawa edlulileyo. Ukanti ngama 35 iihoki ezithe zatsha zaluthuthu, logama uninzi lwabantu lushiyeke lubambe ongezantsi, lungazi ukuba luthathe ntoni ludibanise nantoni. Kwaye unobangela walo mlilo ubungekaziwa.

Ingxelo zithi mibini imililo ethe yakhona kule ndawo ngolusuku. Ukanti umphathiswa wokuhlaliswa koluntu kwiphondo uBonginkosi Madikizela kunye nogxa wakhe kumasipala weSixeko saseKapa uMalusi Booi, bathe bandwendwela le ngingqi ngoMvulo ukuya kuzibonela ngokwabo umonakalo.

U-Lizoma Gangatela, ongumzala welinye lamaxhoba uSinalo-Ithemba Gxiva, uthe umlilo uqale ngentseni yangeCawe. Wongeze ngelithi ixhoba kunye no mama walo uNonceba Gxiva bebelele obentlombe ngethuba kuqala lo mlilo. Ukanti le ntlekela ibonwe ngabamelwane baze bahlaba ikhwelo.

Wongeze ngelithi uNonceba uvuke sele indlu igutyungelwe ngumsi.

U-Gangatela uthe ngokwengxelo ka Nonceba uzamile ukuhlangula uSinalo, koko wohlulwa lizinga lomsi ubusele uzalise indlu yonke.

“Uthi uye wazama ukuphuthaphutha umntwana ebhedini akambona wakhasa ukuya ngasemnyango de wayokufika emnyango wavula. Bathe abantu bezama ukungena ngaphakathi ukuzama ukukhangela umntwana kwabe sele kungangeneki, ihoki igutyungelwe ngumlilo yonke,” utshilo Gangatela.

Ngethuba endwendwele usapho u-Madikizela uthembise usapho lakwaGxiva ukuba uzakuzama yena siqu ukuba kwenziwe indlela kuthotywe umzimba usiwe kwindawo yaseNgqamakwe, eMpuma Koloni. “Ngokomthetho weSixeko akukho nto sinokuyenza xa umntwana ezakungcwatyelwa ekhayeni. Kodwa singazenza iinzame siziziqu ukuxhasa usapho,” utshilo Madikizela.

Uye wacacisa ukuba abazanga nanto koko bebezovela ukuzobona umonakalo nokuzobonisa uvelwano kwintsapho eziphantsi kwelifu elimnyama.

Uyichaphazele nento yokuba i-Kosovo iphantsi kophuhliso nalapho kulindeleke ukuba iintsapho ezingaphezulu kwama-200 zifudukiswe.

“Kule veki iphelileyo ngoMvulo besiguqula isoyi eNew Woodlands, eMitchells Plain, ukulungiselela uphuhliso lwezindlu ezizakwakhiwa nalapho iKosovo iza kuthi ixhamle,”ucacise watsho uMadikizela.

Umphathi wesitishi samapolisa ase Samora u Lieutenant-Colonel Elliot Lingani uzingqinile ezi ziganeko watsho esithi kuvulwe amatyala amabini ophando.

“Akukabikho bantu babanjiweyo malunga nezi ziganeko zozibini, kwaye amapolisa asaphanda,” utshilo uLingani.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.