UsoDolophu uphise kubafundi iincwadi

2019-02-21 06:00
Usodolophu waseKapa uDan Plato ngethuba enikezela ngezixhobo zokufunda kubafundi base Nolungile Primary School.          PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Usodolophu waseKapa uDan Plato ngethuba enikezela ngezixhobo zokufunda kubafundi base Nolungile Primary School. PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Abafundi besikolo samabanga aphantsi iNolungile, eSite, bebeluchulumanco ngolwesithathu kwiveki ephelileyo, ngethuba usoDolophu waseKapa uDan Plato ebaphathele izixhobo zokufunda.

U-Plato unikezele ngezixhobo zokufunda ezixabisa amaR20 000 eNolungile nase Kuyasa.

Kwezi zixhobo kuquka iintsiba zokubhala, izincamathelisi, ikhrayoni, iincwadi zokubhala kwakunye nezokuzoba.

Abafundi abasentlahleni yokuxhamla kwezizikolo zozibini ngabenza amabanga aphantsi uGrade R kunye nebanga lokuqala.

U-Plato uthe abaphelelanga kuphela kwezizikolo zibini, kuba zikhona nezinye ezisisibhozo abazakuzinika ezizixhobo eKapa jikelele. “Sijonge ikakhulu ingingqi apho kuxhaphake ubundlobongela, ukunqaba kwemisebenzi, nalapho intlupheko ininzi khona,” utshilo uPlato.

Uthe abafundi kwezizikolo, ngenxa yemeko zamakhaya abaphuma kuwo, baye bangakwazi ukufikeleleka ekuthengeni ezizixhobo.

U-Plato uthe kubalulekile kubafundi bamabanga aphantsi ukuba bazifumane izixhobo ezinyanzelekileyo ukuze bafunde kakuhle.

Inqununu yase Nolungile uSiphiwo Pitso uthe esikolweni bebehleli bengenazixhobo zipheleleyo, ukuze wonke umfundi azifumane.

“Into ebangela ukuba abanye babafundi bethu bangakwazi ukufikelela ekuthengeni ezizixhobo, kungenxa yokuba abazali babo abaphangeli,” utshilo uPitso.

Uthe babulela ngokungazenzisiyo kusoDolophu ngokwabenzele kona, kuba kuzakuba luncedo olukhlu ekutheni abafundi baqiniseke ezifundweni zabo.

uPitso uthe nangona bengazukuxhamla bonke abafundi, kodwa bayazi ngabaphi abadinga ezizixhobo kakhulu.

Usihlalo wequmrhu elijongene nesikolo uLindelwa Sinyondo uthe lento yenziwe ngusoDolophu ibaluleke kakhulu kuba abanye babafundi babo abanazo ezinye izixhobo zokufunda.

Naye njengamhlali walengingqi uphinde wathi isizathu sokuba abafundi bangafikeleleki ekuthengeni izxhobo ezifuneka esikolweni kungenxa yokuba abazali babo abaphangeli.

Uthe ezinye zengxaki abahlangana nazo besisikolo kukuba ingxowa mali yesikolo iye isetyenziswe kwezinye izinto ingakwazi ukuvala izikhewu kwizinto ezifana nezixhobo kuba incinci kwayona.

uSinyondo uthe esinye isizathu sesokuba qho ngonyaka bamkela abafundi abangapha kwenani isikolo esikwazi ukuba mkela.

“Isikolo siye sigcwale kakhulu kuba samkela amanani abafundi angaphaya, kuba ixesha elininzi kunzima ukujika umntana efuna isikolo,” utshilo uSinyondo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.