Uxhatshazo loluntu malupheliswe nya!

2018-12-13 06:01
uMcedisi Mbatha nobe ququzelela umsingatho wokulwa nokuhlukunyezwa komama nabantwana, esenza intetho yakhe..                                                        PHOTO: SIYABONGA KALIPA

uMcedisi Mbatha nobe ququzelela umsingatho wokulwa nokuhlukunyezwa komama nabantwana, esenza intetho yakhe.. PHOTO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

UMBUTHO i Violence Prevention through Urban Upgrading (VPUU), ububambe umsitho wokulwa ngokusesikweni kweentsuku ezili 16 zokulwa nokuxhaphazwa kwabantwana namanina, kwi ngingqi yase Harare, eKhayelitsha, kwi veki ephelileyo.

Lo msitho, ubuquka imibutho efana neGrassroots Soccer, Thope Foundation, Safe Note Area Committee(SNAC), Early Childhood Development Centres (ECDC), HIV TB Care Centre and Boxgirls South Africa.

iThope foundation ngumbutho ojongana nemiceli-mngeni ehlangana nabantwana abangamantombazana ezikolweni nase kuhlaleni.

iSNAC ngumbutho osebenza ngaphantsi kwe VPUU ekuphuhliseni abahlali base Khayelitsha. iECDC ijongana nendlela abantwana abancinci abakhuliswa ngayo.

Ukanti iBoxgirls yona ngumbutho ophuhlisa abantwana abangamantombazana abasakhulayo.

Lomnyhadala ubusenzelwa abahlali base Harare, kwaye baphume ngobuninzi babo abahlali bale ngingqi.

U-Mcedisi Mbatha, nobe ngumququzeleli walo msitho, uthe babambe lo msitho kuba befuna ukwenza ingxolo ephikisana nokuhlukunyezwa kwamanina nabantwana.

Uthe bafundisa abahlali baseKhayelitsha ukulwa nalo mkhuba bebafundisa ngokubo nwabisa ngezenkcubeko.

“Ndifumanisa ukuba angekhe siwine sisedwa singumbutho we VPUU, kungoko sibandakanya abahlali kulo mlo singawina,” utshilo uMbatha.

Uthe enye into ebalulekileyo kukuba abantu bezokufumana ithuba lokuthetha ngemiceli-mngeni abahlangana nayo.

U-Mbatha uthe bakwakhumbula namaxhoba odlwengulo nabo bathi basweleka emva kokuxatshazwa.

“Asikwazi ukwenza ngathi uxhaphazo alwenzeki ekuhlaleni, yilonto thina sisithi Hayi kulo,” utshilo uMbatha.

Uthe amaxhoba odlwengulo afumana ithuba lokutsala igazi, bezijonga nokuba abanayo na intsholongwane ka gawulayo.

U-Seitati Nketle-Magqibelo, wombutho uBaphumelele, uthe umbutho wabo ufundisa indlela yokuziphatha komntu xa efikelele kwiminyaka ethile.

Uthe bafundisa abantwana ngendlela eyiyo xabekhula, ukwenzela udlwengulo nokuphathwa kakubi abanye abantu lungabikho. Uthe bebesazisa abahlali ngeenkonzo abanazo, kuba banqwena ukusebenza nabahlali base Khayelitsha.

U-Dumisani Ndyoko, nongumhlali, uthe imisitho enje iyafuneka.

“Ukuhlukunyezwa kwabantu abangomama nabantwana kuqatsele ekuhlaleni.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Most Read
News In Your Area
Top Lifestyle
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.