Uzakhela igama umthungi zingxobo

2019-03-14 06:01
Andisiwe Mba noziqalele ishishini lokuthunga ingxowa kokwabo eKhayelitsha.

Andisiwe Mba noziqalele ishishini lokuthunga ingxowa kokwabo eKhayelitsha.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Logama uninzi lwabantu abatsha olungena misebenzi luhleli emakhaya ludinga into yokwenza, intwazana yaseKhayelitsha u-Andisiwe Mba, ominyaka ingama 29, uthi xa engaculi uzixakekisa ngeshishini lakhe lokuthunga izingxobo.

U-Mba, nobefudula engumfundi kwiDyunivesithi yaseKapa nalapho ebesenza khona izifundo zeqonga, uthi kuba umsebenzi unqabile wagqiba kwelo kuba aziqalela elishishini ukuze athengise.

“Ndikhule ndingumntu okuthandayo ukuthunga kwase sikolweni yilonto ndiye ndabona ukuba mandiqale eli shishini,” utshilo kudliwano-ndlebe ne City Vision. Ishishini lakhe libizwa ngokuba yiVinFu.

Uthe ukuthunga asiyonto ayiyele esikolweni, wazifundisa ngenxa yesakhono sakhe.

U-Mba uthe abazali bakhe bamthengela umatshini wokuthunga ukuqala kwakhe eli shishini, kodwa ngenxa yokuba ubumncinci waye wafuna amancedo kwimibutho encedisana noosomashishini abakhulayo.

“Ndiye ndafundiswa ngezoshishino phambi kokuba bandithengele umatshini omkhulu,” utshilo uMba.

U-Mba uthe akapheleli nje ekwenzeni izingxobo, kambe uye acelwe ngabantu abanamatheko ukuba abenzele iilokhwe.

Kungoku nje sele enonyaka eqhuba eli shishini, kwaye libonakalisa uhlumo ngokokutsho kwakhe. Uthe owona mnqweno wakhe kukuthengisela abatyeleli bamazwe angaphandle.

Kungokunje le ntwazana ithi ilindele iziphumo zesicelo sayo sendawo yokuthengisela kumasipala weSixeko saseKapa. Uthi ufuna ukuqhuba ishishini lakhe kwidolophu yaseKapa.

“Bendifake isicelo kwiSixeko kuba ndihlala kude, ngoko ke abantu abaninzi ababinandlela yokubona oku ndikwenzayo kodwa ndisalindile,” utshilo uMba.

Abantu abafuna ukubona oko akwenzayo bangamkhangela kumakhasi onxibelelwano nalapho angu Spirit Mba okanye bamtsalela ku 079 614 1291.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.