uZille uyavutha ngabenzi bobubi

2018-09-13 06:01

iNkulumbuso yephondo iNtshona Koloni, uHelen Zille, izigxeke kanobomi iziganeko zokonakaliswa koololiwe nemizila yayo, nto ayichaze njengoku qhwaleliswa koqoqosho kwiphondo.

Uchaze oololiwe njengeyona ndlela ibalulekileyo kwezothutho kwiphondo.

Efixekile ngumsindo ngolweSine uZille ugunyazise iimpendulo kwinkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika mayela namanani aphantsi okubanjwa nokutshutshiswa ngempumelelo kwabenzi bezi ziganeko kwisithuba seminyaka elishumi edlulileyo.

Wongeze ngelithi iziganeko zokutshiswa koololiwe ezifikelela kuma R210 ezigidi, kwisithuba seminyaka emihlanu edlulileyo, ziyidodobalise kakhulu le nkonzo.

Wongeze ngelithi oku kubonakalisa ngokuselubala iingxaki kwinkonzo kwicandelo lezo bulungisa kunye nobukrelekrele ekulweni nolwaphulo mthetho.

UZille umemelele ukusebenza ngokungxamisekileyo, ukuqinisekisa ukuba kuyabanjwa kutshutshiswe abenzi bezi ziganeko.

“Ayamnkelekanga kwaphela into yokuba kube akukho namnye umntu osele ethe wanqakulwa wavalelwa mayela nezi ziganeko, ninzi lwazo zenzeka ilanga lihlabe umhlaba.

“Kufuneka sizibuze umbuzo wokuba: kutheni?’ utshilo.

Wongeze ngelithi uceba ukukhe adibane aphefumlelane noLieutenant-General Khombinkosi Jula, owongamele amapolisa kwiphondo.

Kungoku nje uRhulumente ubeke etafileni imbuyekezo yama R100 000 eyakuthi inikezwe nakubani onokuthi anikeze ngenkcukacha ezingakhokhelela ekubanjweni nasekutshutshisweni ngempumelelo komntu obandakanyeke kwezi zigeneko.

Kutshanje usihlalo wesigqeba sezothutho kwiphondo, uNceba Hinana uhlabe ikhwelo kuMkhuseli woLuntu uBusisiwe Mkhwebane ukuba aphande le ngxuba kaxaka.

Tsalela ku 0860010111 ukuba unolwazi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.